IKings ziyivule kakubi iSuper Rugby ekhaya

Jaguares fullback Joaquin Tuculet, seen here trying to get away from Kings centre Berton Klaasen, was one of the try-scorers. Photo: Samuel Shivambu, BackpagePix

Iqela lombhoxo leMpuma Koloni, iSouthern Kings, liyivule kakubi isizini yeSuper Rugby emva kokubethwa yiJaguares yase-Argentina ngo’39-26 kumdlalo obunzima eNelson Mandela Bay Stadium ngongcwazi izolo. Nangona iKings zixikixwe yimiba eyayamene nezimali ixesha elide – kodwa amalungiselelo wesizini ahambe kakuhle.

Umsebenzi abawenze kwezinyanga zidlulileyo abadlali beKings awubonakalanga izolo ngoba bakhe phantsi isitya sigcwele kwiJaguares. Ukuphumelela kweli qela lasemazantsi eMelika akothusanga ngoba lelona lidlale umdlalo ophucukileyo nkalo zonke zomdlalo eNelson Mandela Bay Stadium. Ukuphumelela kweJaguares kuzindaba ezimnandi kuyo ngoba ibuyise izitya emva kokubethwa yiKings ngo’29-22 kumdlalo obukunyaka ophelileyo. Nangona iJaguares zize kulo mdlalo ngaphandle kwabadlali bazo abaliqela abafana noJuan Martin Hernandez, uNicolas Sanches noMartin Landajo – kodwa umdlalo wayo nguwona ubungcono kakhulu.

Kuye kwanyanzeleka iKings zizame ukuvala amazibuko ubukhulu becala ngenxa yoxinizelelo obelufakwa ngabadlali beJaguares. Amakhwenkwe kaDean Davids ebebonakala ngathi akayazi into ayenzayo kwaye bekungekho kuhlanga emdlalweni wawo nangoba uMakazole Mapimpi noLuzuko Vulindlu bekwazile ukuzibonakalisa. Ngumdlalo lo umqeqeshi weKings ebethe ufuna iqela lakhe lizibonakalise kuwo futhi afuna ukuthumela umyalezo ngawo kwamanye amaqela isaqala le sizini yeSuper Rugby. Kuselubala ke ngoku ukuba uDavids nabadlali bakhe kufuneka banyuse umxakatho ngakumbi kwimidlalo ezayo ukuze bafumane impumelelo emidlalweni.


Southern Kings – Trie: Makazole Mapimpi, Luzuko Vulindlu. Conversions: Lionel Cronjé (2). Penalties: Cronjé (4).

Jaguares – Tries: Gonzalo Bertranou, Leonardo Senatore, Joaquin Tuculet. Conversions: Joaquin Bonilla, Santiago Iglesias (2). Penalties: Bonilla (3), Iglesias (3).