U-Ali “Rush Hour” Funeka uyixheshe yangqengqa kumjikelo wesithathu imbethi manqindi yaseGhana uJustice Addy, kumlo wabo weIBO Welterweight Africa. Lo mlo ububanjelwe kwiholo yemidlalo eKomani, iQueenstown Indoor Sports Centre.
Le mbethi manqindi izibonakalisile ukuba isenaso isakhono samanqindi kuyo nangona abantu abaninzi bebesele bemvalele ngaphandle. Kwimijikelo yokuqala yalo mlo, uFuneka uzibonakalisile ukuba ufuna impumelelo kwaye ebemxhesha * -Addy egalela izithonga ezivakalayo.
Kuthe kufikwa kumjikelo wesine, uFuneka wabe ewuxhome phezulu umgangatho, wanyanzelisa ukuba mawufikelele esiphelweni lo mlo. Yonke imilo yale tumente ibiququzelelwe ngumasipala waseSakhisizwe ngokubambisene neX Events, khange ifikelele esiphelweni. UThembelani Nxoshe yena ukwazile ukubuyisa isidima sakhe kwakhona, wangqegqisa uXolani Radi kumjikelo wesithathu kumlo weflyweight.
Intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweFlyweight uNoxolo Makhanavu, uyikhusele intshinga emva kokwenzakala kwakhe ebetha uSiphosethu Nxazonke, umlo wanqandwa ngugqirha. Ezi mbethi manqindi zimbini bezisilwa kumlo ekuphela kwawo ubuneembethi manqindi zasetyhini.
UMakhanavu uye wafumana ukwenzakala emva kokusikeka esilevini. Komnye umlo ubumkhulu kakhulu nobusekela lona kaFuneka, uBalemo Weliya naye ukhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kwiSuper Middleweight ebetha uLee Dyer kumjikelo weshumi elinanye.
Lo mlo uzakuvala umlomo abagxeki bakaFuneka, kuba emva kokuba ebethwe nguTsiko Mulovhedzi eMonti kunyaka ophelileyo. Mhlawumbi ukutshintsha inkampu kukaFuneka kuko okumncedileyo yatshintsha imeko yakhe.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile