Ikrele likaKudus liyosele iSouth Korea efe isilwa kwiGhana!

Inbeom Hwang weSouth Korea ebethwe yiGhana emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Education City Stadium. Umfanekiso: EPA/Mohamed Messara

Into emnandi ngeetumente ezinkulu njengeFifa World Cup kukuba inika abadlali ithuba lokubonakalisa izakhona zabo kwinqanaba eliphezulu. Njengokuba ukhuphiswano phakathi kwamazwe athatha inxaxheba kwiWorld Cup, kuye kufuneke amadoda anesibindi ukuze amazwe afezekise iminqweno yawo yokuqhuba kakuhle kwitumente yehlabathi. Nokuba iGhana iphelelephi kwitumente yalo nyaka ebanjelwe eQatar – kodwa ihlabathi ngeke limlibale uMohammed Kudus emva kokuthathela kuye uxanduva lokuqinisekisa ukuba iGhana iphumelela umdlalo wayo wokuqala obuse-Education City Stadium emalanga namhlanje.

Kuthe nco kamnandi kwiGhana emva kokuba ibethe iSouth Korea ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni obutak’ iintlantsi. Likrele elibukhali macala likaKudus elosele iSouth Korea efe isilwa. Amaqela omabini awuqale kakuhle umdlalo wanamhlanje enenjongo enye: ukuphumelela emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni egqithileyo. IKorea idlale ntanganye ne-Uruguay – kanti yona iGhana iye yabethwa yiPortugal ehleli phezulu kuGroup H.

IGhana lelinye lamazwe ambalwa, aquka iCameroon neSenegal, akhe akwazi ukudlula kumjikelo wokuqala kwitumente yehlabathi. AmaGhana avinjwa yi-Uruguay ithuba lokwenza imbali eMzantsi Afrika ngo-2010. Umdlalo ngamnye ewudlalayo iGhana, kusoloko kukho lo nto ezingqondweni zabadlali bayo. Njengesiqhelo, iKorea yiyo ebidlala ngesantya esiphezulu – kodwa iGhana iwucime umlilo wayo ngokufaka amagowuli amabini kwisigaba sokuqala somdlalo.

Elokuqala lifakwe nguMohammed Salisu noMohammed Kudus ofake amabini anike ithemba iGhana eza kulwela ukuhlala kwitumente yehlabathi. Noxa AmaGhana eye kwixesha lokuphuma imisila iphezulu ngenxa yamagowuli amabini, zijikile izinto kwisigaba sesibini futhi kuphantse konakala kakhulu. Abadlali beKorea babuye bengamameli. Emizuzwini emibini, uCho Gue-sung ubhakuzelise umnatha kabini. Kuye kwanyanzeleka iGhana iphendule ngoba iKorea ibifuna into ebilapha. Ekugqibeleni, iGhana iphumelele ngamagowuli amathathu kwamabini. Ngoku iGhana ihleli kwindawo yesibini kuGroup H. Ilandelwa yi-Uruguay eza kudibana nePortugal ebusuku namhlanje. Etshobeni kuvale iSouth Korea enenqaku elinye.