Izikhululo zosasazo ezikwingingqi ye-Amathole neBuffalo City Metro, zithathe inxaxheba kwimidlalo yemibhiyozo yosuku lwenkululeko kwibala lezemidlalo laseScenery Park ngoLwesithathu.
Phakathi kwezikhululo ebezithatha inxaxheba kule midlalo, yiKumkani FM (abaququzeleli), iMdantsane FM kwakunye neForte FM.
Umseki nosihlalo webhodi kwiKumkani FM * -Unathi Dyubula uthe: “Bekumnandi kakhulu , sifumene ithuba lokusondela kubantu esisasazela bona, kwakhona le mini idibanise ezi zikhululo sikufutshane nazo, sithetha ngazwinye namhlanje. Siyathemba yinto ezakuqhubeka le, ingapheleli apha.”
Omye wabadlali abaphume izandla kwiqela lamanina ngokuthi afake amagowuli amabini, uPhilisa Sobantu uthe: “Bekumnandi kakhulu ukuthatha inxaxheba, bendiqala ukudlala kwizinga eliphezulu. Ndibulela iqela lam, le mpumelelo yeyabo.”
Iziphumo
Amadoda:Forte FM 0-1 Kumkani.
Mdantsane FM 1-1 Forte FM
Amanina: Mda-Forte ladies 1-2 Kumkani FM
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung