ILeicester ziintshatsheli zeEnglish Premier League

ILeicester City iwongwe nje- ngeentshatsheli zaseNgilane ngokuhlwa ngoMvulo, emva kokuba iTottenham Hotspurs ingakwazanga ukubetha iChelsea, eStamford Bridge.

ISpurs bekufuneka siphumelele ukuze ikwazi ukubambelela kugqatso lweBarclays Premier League, isithuba esingageveki. Igowuli elifakwe ngu-Eden Hazard sele liphelile ixesha lilo elincede iChelsea ukuba ibambane neTottenham ngamanqaku amabini macala. Iphupha likaClaudio Ranieri lide lafezeka njengokuba iLeicester ibambe indebe yePremier League okokuqala, oko lasekwayo eli qela.

Izinto zikhe zabonakala ngathi zingayinzimela iLeicester, kuba bekuza- kufuneka ibethe i-Everton ngempelaveki ukuba ibiphumelele iSpurs. Ifolosi yeSpurs uHarry Kane uye walibeka phambili iqela lakhe ngomzuzu wamashumi amathathu enesihlanu. Eli gowuli limbeke endaweni entle uKane kuba uzakufunama iwonga lokuba ngoyena mdlali unamagowuli amaninzi.