ILencane FC iziphindisele kamnandi kwiSheshegu

ILencane FC izintshatsheli zetumente kaNgubesizwe

Ibhola ekhatywayo ikhula ngokukhula eDutywa. Kwiiholide zePasika, ulutsha belubuthelene eNgumbela Stadium – apho beluthath’inxaxheba kwiNgubesizwe Tournament.

Le tumente yaqala uNkosi uNgubesizwe esaphila, injongo yayo yayikukuqokelela ulutsha lweelali eziphantsi kwakhe ukuze kudlaliswe abantwana kuqoqoshwe nezimilo. Isaqhuba nangoku le tumente kwaye ibitsale inqwaba yamaqela ebhola ekhatywayo nakulo unyaka.

Nangona amaqela esaxhomekeka kakhulu kwimali ayikhuphayo phambi kokuthatha inxaxheba kule tumente – kodwa kulo unyaka kuye kwakho inkxaso-mali ephuma kwinkampani yabangcwabi – iSinekhaya Funeral Directors.

ILencane iyithathile indebe kulo unyaka emva kokubetha iSheshegu FC ngo’3-2 kumdlalo obumhle kakhulu emalanga ngoMvulo, eNgumbela Stadium. Lo mdlalo ubuyimpinda yokwenzeka kunyaka ophelileyo – apho iLencane yabethwa yiSheshegu kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Ibe yimivuyo namayeyeye kubalandeli beLenca emva kokubetha iSheshegu engabethekanga lula.

Abadlali beLencane babonise zisuka emdlalweni ukuba bafuna impumelelo ngokuthi bafumane igowuli lokuqala kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSheshegu ihamba emva.

Umdlalo ubukhawuleza ngoba ibilelo nelo iqela lidlalela ukuphumelela.

ILencane yongeze amabini amagowuli kulo mdlalo, iSheshegu izamile ukusukela – kodwa ngelishwa layo ayikwazanga ukufumana amagowuli oneleyo. Okunoyixolisa iSheshegu kukuba ibethwe liqela elidlale ngcono ngala mini kwaye nomgangatho womdlalo ubusezingeni eliphakamileyo.

Bekungekho zinto zixabanisayo ngoba umdlalo ubuphethwe ngusompempe oqeqeshwe yiSafa futhi olawula imidlalo yeMotsepe League.