ILeopards elawule umdlalo ibambe iChiefs emdlalweni obutshisa eThohoyandou

Mogakolodi Ngele of Black Leopards and Kgotso Moleko of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 game between Black Leopards and Kaizer Chiefs at Thohoyandou Stadium in Thohoyandou,Limpopo the on 18 January 2020 Kabelo Leputu/BackpagePix

Kuthe qabu
kwiBlack Leopards etsala nzima emva kokuzuza inqaku elinye emdlalweni
wanamamhlanje. ILeopards ibambene neKaizer Chiefs ngegowuli elinye (1-1) emdlalweni
we-Absa Premiership obushushu ngeyona ndlela eThohoyandou Stadium ngale njikalanga
yanamhlanje. Nangona iqela likaCavin Johnson lingaphumelelanga – kodwa lilo
ebelinamandla emdlalweni kwizigaba zozibini zomdlalo. Lichanwe kukuvumela
iChiefs ifake kuqala emdlalweni. Yena uErnst Middendorp uzamkele iziphumo
zomdlalo – kodwa uphoxekile ngoba iqela lakhe beligxeleshe amanqaku amathathu
emdlalweni.

Isiqingatha
sokuqala sitake iintlantsi zisuka emdlalweni obuphakathi kweLeopards neChiefs.
Mhlawumbi lo nto ibiphenjelelwa kukunyanzeleka kwempumelelo kumaqela omabini.
Amakhosi aye emdlalweni efuna indlela anokubambelela ngayo phezulu – kanti yona
iLeopards iye ikhangela indlela yokusuka emsileni wePSL. Iindwendwe zihlasele
kwangoko zade zavuzwa ngegowuli elifakwe nguSamir Nurkovic ngentloko emzuzwini
weshumi elinanye emva kwekona ebikhatywe kakuhle nguLebogang Manyama. Abadlali
beBlack Leopards khange bawuyekelele umxakatho konke konke. UDaniel Akpeyi
uvale iibhola eziyingozi ezivele macala onke. Emzuzwini wamashumi amathathu
ananye, uMogakolodi Ngele ufake igowuli elihle lokulinganisa kwahlokoma
iThohoyandou ebigcwele ime ngeembambo. Noxa iChiefs ibimane ihlasela – kodwa isigaba
sokuqala somdlalo besilawulwa yiLeopards.

UNgele akabuyelanga
kwisigaba sesibini somdlalo ngenxa yokonzakala. Amaqela omabini adlale umdlalo
ozinzileyo – kodwa isantya somdlalo siye sehla kwisigaba sesibini. Amakhosi
azamile ukufaka uxinizelelo esebenzisa iibhola eziphezulu ezichithiweyo
ngabadlali beLeopards basemva. Kude kwaphela ixesha kungekho qela elikwazileyo
ukufumana igowuli lempumelelo. Inqaku elinye liyincedile iLeopards ephakathi
kwamaqela asemsileni. Emidlalweni yaphezolo, iMaritzburg United ibethe AmaZulu
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eHarry
Gwala Stadium. Kanti yona iStellenbosch iphumelele umdlalo wayo wesibini
ilandelelanda ngokubetha iBaroka FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni
obuse-Athlone Stadium.

 

Leopards: Jonas Mendes, Khuliso Mudau, Isaac Masia,
Edwin Gyimah, Pentjie Zulu, Thabo Matlaba, Mumuni Abubakar, Tshwarelo Bereng,
Mogakolodi Ngele, Robert Ng’ambi.

Chiefs: Daniel Akpeyi, Kgotso Moleko, Eric Mathoho,
Daniel Cardoso, Yagan Sasman, Bernard Parker, Willard Katsande, Siphosakhe
Ntiya-Ntiya, Lebogang Manyama, Samir Nurkovic, Leornado Castro.