ILeopards ibokobo amacala yinduku yeMamelodi Sundowns

Themba Zwane of Mamelodi Sundowns challenged by Tsheamo Mashoene of Black Leopards during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Black Leopards at the Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on the 06 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Akukho
sikrokro kwiBlack Leopards emva kokuba ivuthululwe ngemvula yamagowuli
amathathu eqandeni (3-0) yiMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa Premier Soccer
League obumhle eLoftus Versfeld Stadium namhlanje ebusuku. Emva kokuqokelela
amanqaku apheleleyo, ngoku iDowns ihleli kwindawo yesibini kwiPSL – kodwa isenemidlalo
emibini engekayidlali. Amasandawana awuqale kakuhle umdlalo futhi iinjongo zawo
azicacise gca kwasekuqaleni. UThemba Zwane, uLebohang Maboe no-Anthony Laffor
ngabona badlali ebebethe gqolo benkqonkqoza kwiipali zeBlack Leopards
ekwazileyo ukuvala abadlali beDowns ebekubonakala ukuba bafuna igowuli ukuze
kungenzeki okubehlele ngethuba bedlala naMaZulu aphumelele ngo’2-0 kwiveki
ephelileyo.

UGaston Sirino
ngomnye wabadlali abatyale iibhola ezintle kubadlali baphambili abangakwazanga
ukuzisebenzisa. Ukuphosa kwabo amathuba abadlali beDowns kunike iBlack Leopards
amandla okubuyela emdlalweni nokuya phambili. ISundowns ide yabhalisa ebhodini
ngebhola entle efakwe nguMaboe emva kokudlalelwa nguSirino noHlompho Kekana
phambi kokuphela kwesigaba sokuqala. Emva kwekhefu, uKhomotso Masia ugwaze
umkhonto ekhaya emva kokufaka kwezakhe iipali ibhola ebigotywe nguMaboe.
Igowuli lokugqibela lifakwe nguRicardo Nascimento ngepenela emva kwebhola
ebibanjwe nguPentjie Zulu phakathi ebhokisini. Ngoku iDowns ishiywa ngamanqaku
amathathu qha yiBidvest Wits.

 

Mamelodi
Sundowns:
Mweene, Arendse,
Nascimento, Morena, Lakay, Mabunda, Kekana, Zwane, Sirino, Maboe, Laffor.

Amalalela:
Pieterse, Coetzee, Mahlambi, Ngcongca,
Tade, Jali, Langerman.

Black Leopards: K.Ndlovu, Zulu, Katjiukua, Masia, Mokoena, Munganga,
Bereng (Ng’ambi), Mashoene, Kapinga, Musonda, Hlongwane.

Amalalela: Muleka, Ng’ambi, Ndou, Nene, Mahangwahaya , Muleka,
Sekotlong, Ndawonde.