yokuqala kuyo yinkqubela yeqela layo ngaphezulu kwayo yonke into. Lo mdlali
ukuthethe oku emva kokuthiwa jize kwakhe ngewonga lomdlali wenyanga eGoli
izolo. URamagalela, 28, ngoyena mdlali othe wagqwesa kwinyanga yoMsintsi nelona
gowuli liphume phambili awalifumana kumdlalo owawuphakathi
neMamelodi Sundowns, eLoftus Stadium. Lilonke lo mdlali ubethe iintaka ezimbini
ngelitye elinye – kodwa akothusi oko ngoba udlale kakuhle kakhulu kwaye
uwenzile umahluko kwiqela lakhe.
Zonke ezo
zinto azimphazamisi uRamagalela engqondweni yakhe. “Akukho nani lithile
endingathi ndijonge lona. Into ebalulekileyo kum yiPolokwane City. Ukuba iqela
liyakwazi ukuphumelela imidlalo, kugqityiwe kum ngoba liqela elandinika
umsebenzi,” utshilo uRamagalela.
Indlela aqhuba
kakuhle ngayo lo mdlali kule sizini ibangele abanye abantu bacinge ukuba
ufanele ukufumana indawo kwiqela lesizwe. “Andinalo ulawulo lwezinto ezenzeka
kwiqela lesizwe (iBafana Bafana). Inye into endinokuyenza okwangoku: kukulinda
ixesha lam. Eyona nto ibalulekileyo ngoku kukuba sixhase aBafana Bafana sonke –
ithuba lakuvela ukuba ndithe gqoli ndisebenza ngokuzimisela,” utshilo
uRamagalela.
Lo mdlali
owayefudula edlalela iSundowns uhamba phambili kwicala lokufaka amagowuli, sele
eqokelele amathandathu ukuzothi ga ngoku kule sizini emva kwemidlalo elishumi
edlalwe yiPolokwane City. Yena umqeqeshi weBloemfontein Celtic, uVeselin Jelusic, uzuze iwonga lomqeqeshi wenyanga edlulileyo.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!