ILions ifundise iHighlanders isifundo

Ikapteni yeHighlanders ibonakalise intlonipho enkulu kwiLions emva komdlalo weSuper Rugby ngoMgqibelo. 

Iinyembezi ebezibonakala kubadlali beLions ibizinyembezi zovuyo, emva kokuba eliqela laseRhawutini libethe iLions ngo’42-30 kumdlalo ophambi kowamagqibela kankqoyi. 
Ngoku kulindeleke ukuba abafana baka Johan Ackermann bantingele eNew Zealan, ukulungiselela umdlalo wamagqibela kankqoyi neHurricanes kuMgqibelo wempelaveki ezayo. 
ILions ibiguzuliwe kwiSuper Rugby emva konyaka ka2012, kuba yagqiba isizini ihleli emsileni iphumelele imidlalo emithathu kuphela. Emva kokuba lakhiwe ngokutsha eliqela, ngoku lisethubeni lokuphumelela iSuper Rugby kulandela isizini ibintle kakhulu ka2016. “Andinawo amazwi okucacisa le nto, indlela endizingca ngayo ngabalawuli kunye nabadlali bombutho ngokubanzi ,” utshilo umqeqeshi uJohann Ackermann emva komdlalo. 
“Kanye ngelixesha kwiminyaka kwiminyaka emithathu edlulileyo, sasilwela ukudlala kwiSuper Rugby, sikhuphisana neKings sikwazile ukusebenzisana nje ngeqela. Ndifuna ukubulela iintsapho kunye nabalandeli bethu.” 
Omnye wabadlali abadlale indima ebonakalayo nabaqaqambe kakhulu kwiLions kule sizini ngu-Elton Jantjies, kodwa ukwenzakala kuye kwamsokolisa ngoku sele isondele ekupheleni isizini. NangoMgqibelo ubenegalele kumanqaku alishumi afunyenwe leli qela.