Isimnyama sisawathe wambu amaqela aseAfrika kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar. Emva kwemidlalo emithathu, akukho nalinye eliphumeleleyo futhi akukabikho nalinye ilizwe elifumene igowuli. Emdlalweni wokuqala, iSenegal ibethwe yiNetherlands ngamagowuli amabini eqandeni ngoMvulo. Izolo uTunisia idlale ntanganye ngeqanda neDenmark emdlalweni obunzima. Namhlanje iMorocco ibambene ngeqanda neCroatia emdlalweni wokuqala kaGroup F obuse-Al Bayt Stadium. Omabini amaqela adlale umdlalo omhle futhi obuthembisa ngokubanika amagowuli abalandeli. Iye emdlalweni iMorocco inoxinizelelo kancinci kuba ingekaphumeleli mdlalo kumashumi amabini anane eminyaka kwindebe yehlabathi.
Nakubeni kunjalo, iMorocco ibinamandla kakhulu emdlalweni. Kwisigaba sokuqala idlale ibhola entle futhi ihlasela. Ingxaki yayo ibe kukungakwazi kwayo ukugqibela iibhola emhlabeni kanozinti. UHakim Ziyech, uAchraf Hakimi noNoussair Mazraoul ngabona badlali abe beyinkathazo kwiCroatia. Okuthe kwaqapheleka kwisigaba sokuqala ibe kukusokola kwamaqela kwicala lokudala amathuba acacileyo emdlalweni. Lo nto ithethe ukuthi abadlali basemva macala bebezivalile izithuba. UPerisic (Ivan) ukhe wakhaba ibhola ebithembisa – kodwa nayo iphume ecaleni. Phambi kwexesha lokuphumla, iCroatia ikhe yathembisa emva kwebhola kaBorna Sosa ayigobele uNikola Vlasic yafika kuYassine Bounou owenze adume ngazo ezipalini.
Igqala leReal Madrid, uLuka Modric, belithwele ubunzima esiswini ngoba iMorocco ibidlala kakuhle kakhulu futhi isebenzisa amendu. Iphinde yazama ukuhlasela iMorocco nakwisigaba sesibini – kodwa ibhola kaMazraoui ifike ethe qwa uDominik Livakovic ezipalini. Ekuzeni kuphela komdlalo, yiMorocco ebiquqa emhlabeni weCroatia. Iinzame zabadlali beCroatia abafana noLivakovic noModric azikwazanga ukuyinceda engakwazanga ukugqobhoza kwade kwaphela umdlalo obuza kutshisa ngokuthe chatha ukuba bekukho nokuba ligowuli elinye. Emva kokungabikho kweqela elifake igowuli, umdlalo usongwe kungekho qela eliphumeleleyo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10