Iliso lakhe uWayde ulibeke kwi-400m

Enye yeembaleki ezidumileyo ngemisebenzi emihle kweli lizwe loMzantsi Afrika, uWayde Van Niekerk othe waphumelela i-100m, 200m ne-400m kwezi nyanga zidlulileyo, uthi ingqondo yakhe ayiphazamisekanga nakancinane zezo zinto.

Le ndodana yenza imbali ngokubaleka imizuzwana elishumi elinethona kwi-200m nemizuzwana engamashumi amane anesithathu kwi-400m kunye nemizuzwana engaphantsi kweshumi kwi-100m kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.

“Ayikholeleki man lo nto. Ngokuqinisekileyo kuninzi okusezayo kule ndodana,” utshilo uMicharl Johnson, owaziwa ngokwenza imbali kwi-400m. Indoda ehamba phambili kwicala lokuthatha iinkcukacha ngeembaleki, uJon Mulkeen, uthi uVan Niekerk ukwindawo yeshihlalu kuluhlu leembaleki zehlabathi ezibaleka kakhulu emva kokuqwalasela ulwazi olukwi-IAAF.

Kwindawo yokuqala kuhleli * -Usian Bolt emva kokwenza imbali kwi-100m ne-200m wagqibelisa ngokwenza imizuzwana engamashumi amane nesihlanu kwi-400m. UJohnson ubekwe kwindawo yesibini, emva kwakhe kulandela uTyson Gay waseMelika , uYihan Blake waseJamaica noVan Niekerk walapha eMzantsi Afrika. Nangona engekaziwa kangako kwihlabathi nasemva kokubuya nembasa yeGolide kwi-400m eBeijing, kulindeleke kubekho utshintsho olukhoyo.

Kuvakala into ethi le ndodana inamashumi amabini anesithathu iza- kusebenza nomqeqeshi kaBolt owaziwayo uGlen Mills phambi kwe-Olimpiki eziseRio. “Sinobudlelwane obuhle kakhulu noMills. Sekulithutyana noko ndimazi,” utsho uVan Niekerk.

“Ndivuya kakhulu xa ndifumana ithuba lokufunxa ulwazi olunokuthi lundincede ekuhambeni kwexesha. Sendizamile noko ukuphucula isantya sam kwi-100m, ngoku ndizamana ne-400m,” utshilo uNiekerk.

Iyayazi le mbaleki eyona nto iyifunayo kule sizini kwaye izimisele. “Ndiyayithanda kakhulu i-100m ne200m, kodwa ngoku kukho into ethi mandizimisele apha kwi-400m. Yiyo lo nto ndisebenza nzima. Ndikhe ndaphazanyiswa kakhulu kukonzakala, ngoku ingqondo yam ndiyimilisele kwi-400m,” utshilo uVan Niekerk.