Xa kudlala iBrazil, abantu basoloko bebeka amehlo wabo kuNeymar Jr. Ayothusi lo nto ngoba ungumdlali onesiphiwo esingummangaliso sokudlala ibhola, sokuufaka amagowuli futhi uyabancedisa abadlali adlala nabo ebaleni. Uzenzele imbali emdlalweni ogqithileyo ngethuba efumana igowuli ngepenela. Ngoku yena noPele noRonaldo – ngabadlali ekuphela kwabo abafake amagowuli kwiitumente ezintathu zehlabathi eBrazil. Noxa uPele noRonaldo bakhe bayiphakamisa indebe yehlabathi, yena uNeyimar usayizingela. Njengokuba eneminyaka engamashumi amathathu, ukhangela yona ukuze imbali yakhe njengomdlali ophambili eBrazil igcwale futhi afaniswe nabanye. Emva kokuba iBrazil ibethe iSouth Korea ngo’4-1 ekuqaleni kwale veki, uNeymar uxelele iFifa.com ukuba iliso labo balibeke kwitumente yehlabathi.
Ukuthethe oku phambi komnye umdlalo obalulekileyo ophakathi kweBrazil neCroatia emalanga namhlanje e-Education City Stadium. “Kubaluleke kakhulu kuthi ukugqithela kumjikelo olandelayo kolu khuphiswano,” utshilo uNeymar Jn, othethe kwiFifa.com phambi komdlalo onzima. “Iphupha lethu kukuphumelela iNdebe yeHlabathi – kodwa kubalulekile kuthi ukuqubisana nomdlalo ubemnye ngexesha. Umdlalo esiwudlale neKorea Republic ibingowesine. Ngoku sishiyekelwe yemithathu. Sizilungiselele ngokupheleleyo kwaye iliso lethu silibeke kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uNeymar. Emva kokonzakala emdlalweni wokuqala iBrazil eyabetha kuwo iSerbia ngo’2-0, uNeymar unexhala lokuphinda angayigqibi itumente yehlabathi ngenxa yokonzakala.
“Kwandoyikisa ukonzakala emdlalweni wokuqala ngoba isizini yam ibintle kakhulu. Akumnandanga ukonzakala ngolwa hlobo. Ndikhale ubusuku bonke la mini – kodwa kuye kwalunga ekugqibeleni emva kokulala ebusuku kakhulu nokuvuka ekuseni noogqirha bendinyanga. Ukuba yonke into ingaphela siphumelela, kungakuhle kakhulu kum,” utshilo uNeymar, onamagowuli alishumi elinesihlanu emidlalweni engamashumi amabini kwiPeris Saint-German yaseFrance. Emva kokuba iBrazil ibethe iSouth Korea, abadlali beBrazil baphakamisa iphekepheke elibhalwe igama likaPele likhatshwa ngumyalezo othi: “Kunzima ukuthetha ngokwenzeka kuPele. Simnqwenelela impilo entle kodwa kwaye sinethemba lokuba impumelelo iza kumnika amandla.”
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!