Kusagquba imoya omhle elizweni lonke, ngakumbi kumqeqeshi weqela lesizwe uHugo Broos. Oku kulandela umsebenzi oncomekayo owenziwe ngaBafana Bafana ababethe iMorocco ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations obubanjelwe eFNB Stadium ngempelaveki egqithileyo. Nakubeni amaqela omabini ebedlala umdlalo ongabululekanga kuGroup K kuba sele enazo iindawo kwiAfcon ezayo – kodwa kuBroos nakuMzantsi Afrika ibiyinto enkulu. Ukubetha iqela eliphambili e’Afrika kuza kunceda uMzantsi Afrika usuke kwindawo obukuyo. Njengokuba iqela likaBroos lilungiselela iAfcon eza kube ise’Ivory Coast ekuqaleni konyaka ozayo, impumelelo iza kulinceda liye kuyo lizithembile emva kokuphoswa yegqithileyo.
Phambi komdlalo, uBroos ebengayifakanga engqondweni into yokuphumelela umdlalo. Kuye okubalulekileyo ibikukudibana neqela elinabadlali abasemgangathweni ophezulu. Impumelelo ibe yibhonasi, ngoku uBroos ufuna iqela lakhe lidlale ngendlela elidlale ngayo nakwiAfcon. “Bendikhe ndatsho kuni ukuba iziphumo zomdlalo azibalulekanga kum. Into ebendiyijonge kakhulu ngumdlalo osemgangathweni ophezulu ebaleni. Bekubalulekile kuthi oko ngoba sifuna ukujonga inkqubela esiyenzileyo kwiinyanga ezigqithileyo,” utshilo umqeqeshi waBafana Bafana abanconyiweyo kakhulu ngabalandeli bebhola ekhatywayo. Ibikokokuqala emva kweminyaka emininzi aBafana Bafana bedlalela phambi kwabalandeli abangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka eFNB Stadium.
“Ndinethemba lokuba niza kungqinelana nam ukuba indlela iqela elidlale ngayo iphucukile. Besidlala neqela elisemgangathweni ophezulu. Okuhle kukuba khange isongamele iMorocco emdlalweni. Sithi abadale amathuba amaninzi kunayo. Linye okanye mabini amathuba acacileyo ewafumeneyo. Ndiyavuya ngoba ndikwazile ukufunqula ukuzithemba ebadlalini. Ndizenzile iimpazamo ngaphambili ngoba bendingekayibambi kakuhle indlela abadlala ngayo. Kodwa noxa kunjalo, iqela alakhiwa ngosuku olunye. Ngamanye amaxesha siyabethwa – kodwa siyafunda kuloo midlalo. Umdlalo wethu usafuna ukuphuculwa ukuze sikwazi ukuvelisa iziphumo ezihle kwiAfcon esekuqaleni konyaka ozayo,” utshilo uHugo Broos.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023