Ilwe kwakuko iBlack Leopards namhlanje – kodwa isajijisana netshoba lePSL

Mwape Musonda of Black Leopards celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2019/20 match between Black Leopards and Maritzburg United at the FNB Stadium, Johannesburg on the 16 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iinzame zeBlack
Leopards zokuphepha izembe zifumene amandla namhlanje emva kokuba ibethe iMaritzburg
United ngamagowuli amathathu kwamabini (2-2) emdlalweni we-Absa Premiership
obubanjelwe eFNB Stadium ngenjikalanga. Ukuphumelela kweLeopards kuthetha
ukuthi ishiywa ngenqaku elinye ngoku yiPolokwane
City
ekwindawo yesibini
ukusuka ekugqibeleni emva kokubethwa kwayo yiKaizer Chiefs ngo’3-2 emdlalweni
wayizolo. UMwape Musonda utsazise igazi kuqala emva kokufumana ibhola ebezama
ukuyichithwa uRichard Ofori ezipalini. Emva kwemizuzu embalwa, uLefa Hlongwane,
ufake igowuli leLeopards lesibini – yatsho yaphala phambili. Iphendule iMaritzburg
United ngegowuli elifakwe nguKeagan Buchanan. Kwisigaba sesibini, uKunene ufake
igowuli lokulinganisa – kodwa iye yaphumelela ekugqibeleni iLeopards ngebhola
efakwe nguThutlwa kwisigaba sesibini somdlalo. Nangona liqhube kakuhle iqela
laseLimpopo – kodwa lisahleli etshobeni kwiPSL kwaye kufuneka liyiphumelele
yonke imidlalo yalo ukuze lisinde ezembeni.

         Image may contain: one or more people   

Kanti komnye
umdlalo obunamhlanje, iSuperSport United idlale ntanganye ngegowuli elinye
macala neBloemfontein Celtic. Amatsatsantsa wasePitoli, ahleli kwindawo yesine
kwiPSL, aye emdlalweni egxeleshe amanqaku apheleleyo emdlalweni ukuze anyukele
phezulu – ngokunjalo neCeltic. Umdlalo uqale ngezinga elincomekayo; omabini
amaqela edlala ngokuzimisela futhi esiya phambili. Kuphantse konakala kwiipali
zeCeltic ngethuba ibhola kaBradley Grobler inqandwa yipali emzuzwini weshumi
elinesibhozo. UMzwanele Mahashe uyibeke endaweni entle iCeltic emva kokufaka
igowuli alive ngokubaliselwa uRonwen Williams. Abadlali abafana noSipho Mbule
noTeboho Mokoena bebezama ukuhlanganisa iibhola esiswini – kodwa iCeltic khange
iwenze lula umsebenzi wabo. Ekuhambeni kwexesha, uMokoena ude walifaka igowuli
lokulinganisa. Emva komdlalo wanamhlanje, iCeltic, ekhuselwe kakhulu ngunozinti
ezipalini, iza kuhlala kwindawo yeshumi elinanye kwiPSL.