Ilwela indawo yokuqala iWSU kwindebe yeVarsity Shield

Imidlalo yeVarsity Shield imiswe kanye xa ingena kuvuthondaba ngenxa yentsholongwane eyosulelayo ekuthiwa yikhorona.

Kuye kwanyanzeleka okokuba imidlalo ihlehliswe yonke emva kokuba uMongameli welizwe, ecetyiswa ziingcali zezempilo, ethe wagqiba kwelokuba kuvalwe ukuhambahamba neendibano zabantu ngelizama ukuthothisa ukosulelana kwabantu.

Lo nto iyichaphazele yonke imidlalo entlobontlobo elizweni kuquka nemidlalo yombhoxo edlalwa ngamaqela weeYunivesithi zaseMzantsi Afrika.

Emva kwemidlalo emihlanu eyidlalileyo, iWalter Sisulu University (WSU) ihleli kwindawo yokuqala inamanqaku alishumi elinesixhenxe.

Iphumelele imidlalo emine yaze yabethwa emdlalweni omnye yiKwaZulu-Natal ngo’29-15.

Ukapteni weWSU, uSiphosihle Magawu, uvumile okokuba ngokwenene ikhorona iliphazamisile iqela kodwa ayimkhathazi konke konke lo nto ngoba yinto echaphazela bonke abantu.

“Isiphazamisile yona ikhorona kodwa ke ayiphazamisanga thina sodwa. Sakuphinda sidibane singabadlali siqhubele phambili nomsebenzi wethu xa kukho isiqabu,” utshilo uMagawu.

Ukusukela oko kuqale isizini yeVarsity Shield, iWSU yabamba indawo yokuqala kwaye wonke umntu uyayincoma indlela edlala ngayo.

“Ngeke ndithi kukho umahluko ongako kule sizini.

Asonzakalelwanga ngabadlali kakhulu kulo nyaka.

Kodwa enye yezinto endingayibalula kukuba kuye kwabaluleka ukulungela kwethu imidlalo ngokwasengqondweni, hayi ngokwasemzimbeni kuphela.

Ndizama ukuthi iingqondo zethu beziyilungele imidlalo kwaye bekukho nokuqhelana phakathi kwabadlali,” utshilo uMagawu.

Onke amaqela adlala kwiVarsity Shield afuna ukuya kwiVarsity Cup, kodwa ayisakwazanga ukuyenza iWSU ngoba iMadibaz yiyo eza kunyukela phezulu emva kokuqwalaselwa kweendlela ezithile ekuqhutywa ngazo.

Kodwa uMagawu uthi iqela lakhe lisazimisele ukulwela indawo yokuqala.

“Injongo yethu ibikukuya kwiVarsity Shield, sibambe indawo yokuqala. Yeyona nto esifuna yona ngoku,” utshilo uMagawu.

pedro.mapelo@inl.co.za