Ilwile iRichards Bay, yaphuma iphaca iPirates emdlalweni weDStv Premiership

Nakubeni ifumene amathuba aliqela emdlalweni – kodwa i’Orlando Pirates ibuyela eGoli iphaca emva kokuba ibambene ngeqanda neRichards Bay emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.

IPirates iye emdlalweni wanamhlanje inethemba lokuphumelela imidlalo elandelelanayo emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngo’1-0 emdlalweni wobukhaya phambi kwekhefu lemidlalo yamazwe ngamazwe ephantsi kweFifa.

Emva kokuphumelela iMTN8 Cup okwesibini kwinyanga egqithileyo, AmaBhakaniya ebefuna ukwenza ngcono emidlalweni yeDStv Premiership ukuze avale umsantsa ovulwe yiMamelodi Sundowns – kodwa kube nzima.

Amathuba okubetha iRichards Bay, ehleli emsileni kwiDStv Premiership, ebekhona – kodwa akukho nalinye ekwazileyo ukulisebenzisa. Ukungabikho kukaThembinkosi Lorch onqunyanyisiweyo emva kokugwetywa yinkundla kunike ithuba lokudlala uFortune Makaringe onethuba elide engasadlala.

Usebenzile unozinti wePirates emizuzwini yokuqala yomdlalo. Ebephantsi kohlaselo olubi, uYanela Mbuthuma uzamile ukusebenzisa amathuba awafumeneyo – kodwa akavumanga uMelusi Buthelezi ezipalini zakhe.

Abadlali beRichards Bay baye bahlala emva benika iPirates ithuba lokudlala – kodwa babe bejonge ithuba lokuyiqubula. Umdlalo weBucs ube bhetele kwisigaba sesibini emva kokufakwa kwabadlali abatsha. UMonnapuleng Saleng noKabelo Dlamini bafike benza umahluko.

Bahlasele besebenzisa amaphiko – kodwa umqobo omkhulu ibinguJackson Mabokgwane ezipalini zeRichards Bay. Ukuphuma kuka-Evidence Makgopa kunyanzele bonke abadlali bazame ukufumana igowuli lempumelelo ngoba bekucacile ukuba iRichards Bay idlalela ukungabethwa okanye inqaku elinye.

Amathuba okufaka igowuli iwafumene iPirates emva kweenzame zabadlali abafana noTapelo Xoki noPatrice Maswanganyi – kodwa uMabokgwane uye wavala onke amazibuko. Ngoku iBucs ihleli kwindawo yesibhozo emva komdlalo wanamhlanje. Kanti yona iRichards Bay ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu.