IMadibaz ihlaze iWalter Sisulu University emdlalweni obuseBuffalo City Stadium izolo

Iqela lombhoxo iWalter Sisulu University All Black livuthululwe yiMadibas ngo'32-3 emdlalweni weVarsity Shield obubanjelwe eBuffalo City Stadium izolo. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Bagoduke benkenenkene abalandeli beWalter Sisulu Univeristy All Blacks emva kokubukela iqela labo
libethwe yiNelson Mandela
University
[Madibaz] okosana
libhuqwa ngunina. Umdalo ubuyinxalenye wetumente yombhoxo ebinemidlalo mibini
ebibanjelwe eBaffulo City Stadium ebigcwele ime ngeembambo izolo ngorhatya.
IMadibaz iphumelele umdlalo ngo’32-3 emva kokulala emgceni amatyeli
amathandathu ngelixa yona iWSU All Blacks iwafumene ngepenela enye qha amanqaku
wayo.  

IMadibaz iyihlasele iAll Blacks ukusuka ngomzuzu wokuqala
ukuyothi xhaxhe kowokugqibela. Lo nto yenze kwanzima kwiAll Blacks. Umqeqeshi
weWSU, uSipho Metula, uthe oonyana bakhe babethiswe kukuyihlonipha kakhulu
iMadibaz. “Besiyazi ukuba awuzukubalula umdlalo. IMadibaz inamava ngoba kudala
idlala kwiVarsity Rugby. Kodwa namhlanje
ndicinga abadlali bayihloniphe kakhulu iMadibaz bade banendawo eyoyikayo. Isichanile
kakhulu lo nto,” utshilo uMetula.

Nangona ibethiwe iWSU, okaMetula uthi iinjongo zabo
zokuphumelela iVarsity Shield aziphazamisakanga. “Mandiyithethe inyaniso; zindothusile
iziphumo zalo mdlalo – kodwa ndisatsho ukuba siza kuyiphumelela iVarsity Shield.
Umdlalo wokugqibela neMadibaz uzakube ulapha kwakhona. Siza kubabetha kulowo
umdlalo,” utshilo uMetula.
Umqeqeshi weMadibaz,
uJarryd Buys, uwancomile amakhwenkwe wakhe emva komdlalo.

“Mandiwaqhwabele izandla amakhwenkwe ngoba enze ngale
ndlela besicwangcise ngayo. Siyabazi baliqela elinobuzaza – kodwa naliphi iqela
xa ungaliniki ibhola kubanzima ukudlala. Sibavimbe ibhola kakhulu kulo mdlalo,”
utshilo uBuys emva komdlalo izolo.
Komnye
umdlalo; iRhodes University
ibethe iUniversity of Fort
Hare
ngo’13-12. Imidlalo
elandelayo; iWSU All Blacks vs Cape Penensula University of Technology @BCM Stadium,
Madibaz  vs Rhodes University @Bhayi, ngoMvulo.