Unozinti weMagesi FC, uElvis Chipezeze, uthi iqela lakhe akufanelanga livuyele ukufika kwisigaba sokugqibela sendebe kuphela, kufuneka lilwele ukuphumelela. Le ndedeba ikuthethe oku phambi komdlalo omkhulu weCarling Knockout Cup ophakathi kweMagesi FC neMamelodi Sundowns namhlanje ngentsimbi yesithandathu emalanga eToyota Stadium, eBloemfontein. Abatshakazi beBetway Premiership banethemba lokwenza imbali kwisizini yabo yokuqala kwinqanaba eliphezulu.
Yothuse abantu abaninzi iMagesi FC ngokufikelela kwindawo ekuyo ngoku. Endleleni yayo ibethe i’Orlando Pirates, iRichards Bay neTS Galaxy. Kodwa owona mqobo omkhulu yiSundowns nayo eyifunela kuyo indebe. Nangona abantu abaninzi bejonge umsebenzi oza kwenziwa nguClinton Larsen noManqoba Mngqithi abaqeqesha amaqela – kodwa uElvis Chipezeze ngomnye wabadlali ekulindeleke ukuba benze umsebenzi obalulekileyo kwiMagesi ezama indebe yayo yokuqala kwinqanaba eliphezulu.
UChipezeze, 34, ukubethelele ukuya kweqela lakhe emdlalweni futhi lenze umsebenzi omhle. “Asikwazi ukuvuya de sigqithise singekadlali,” utshilo unozinti oncede uMagesi ngendlela emangalisayo emidlalweni yayo kule sizini eqhubekayo. Ubukho bakhe kwiqela likaLarsen bubalulekile ngoba ungomnye wabadlali abambalwa abanamava. “Sizimisele ukuwenza umsebenzi ebaleni. Yinto ebaluleke kakhulu le sikuyo kuSihlalo weMagesi nakubalendeli. Siyazazi ukuba siseliqela elisakhasayo.
“Ngeceba kaThixo, sifikelele emdlalweni wokugqibela weCarling Cup. Sesizenzele imbali ngokwenza njalo. Okushiyekileyo ngoku kukuba sizame ukulwa ebaleni. Enye nenye iza kuzenzekela ngoba asizukuya ebaleni nje ukongeza inani. Sifuna ukwenza into eza kuncumisa abalandeli bethu,” utshilo uChipezeze. Nakubeni amatikiti omdlalo ebengekapheli, angaphela namhlanje. UMngqithi uza kufaka zonke iziqwayi zakhe ngoba kubalulekile kuye ukufumana indebe emva kokuphoswa yiMTN8.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman