Akawuvali umlomo umqeqeshi weMagesi FC ngenxa yochulumanco olumongameleyo emva kokuba iqela lakhe lenze umtsi oya phambili kwakhona kwiCarling Kockout Cup. UClinton Larsen uphalaze indlela aziva ngayo emva kokuba iMagesi ibethe iTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obungempelaveki egqithileyo eMbombela Stadium.
Ngaloo ndlela, eli qela laseLimpopo lidlulele phambili kwiCarling Knockout okokuqala emva kokunyuselwa kwalo ekuqalenu kwesizini. Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, iMagesi iza kuswantsulisana neRichards Bay emdlalweni oza kube useKing Zwelithini Stadium. Kwelinye icala, iMarumo Galants iza kudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni oza kube useDr Molemela Stadium emalanga ngeCawe.
Iqela likaLarsen liya emdlalweni ongempelaveki ukuzithemba kuphezulu emba kokufumana iziphumo ezincumisayo emidlalweni egqithileyo. Nakubeni iMagesi ifika kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo – kodwa idlala kakuhle. “Akukho mntu owayecinga ukuba singayibetha iPirates emdlalweni weCarling Knockout – kodwa ngoku sisebenzela ukuya emdlalweni wokuugqibela,” utshilo uLarsen emva kokuphumelela kweqela lakhe ngempelaveki egqithileyo.
“Siyayivuyela indawo esikuyo – kodwa ukuba singagqitha kwiRichards Bay, ingayinto enkulu kakhulu kuthi. Singekangeni kwiCarling Knockout, besiqhuba kakuhle. Ukudlala kakuhle emidlalweni egqithileyo kubenze bakwazi ukudlala ngokuzithemba kakhulu. “Sidlale imidlalo emithandathu ngoku singaphulukanga nawo namnye.
“Ngoku iqela liyaqala ukuzithemba. Ukufumana iziphumo ezihle emidlalweni esiyidlale nePirates, iCape Town City, iKaizer Chiefs neTS Galaxy yinto enkulu. Wonke la maqela adlala kakuhle kakhulu. Andothuki xa abantu becinga ukuba asingeke senze nto ebonakalayo ngoba siliqela elitsha futhi elingenabadlali abaziwayo ebholeni ekhatywayo. Indlela esibonwa ngayo iqhelekile – kodwa siza kuqhubela phambili nokusebenza ngokuzimisela,” utshilo uLarsen.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika