
Owona mdlalo obujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola kwi-2017 Afcon namhlanje khange ubenawo umfutho. Nangona iMali iyiyo ebinamathuba acacileyo wokuphumelela umdlalo, ekugqibeleni ayikwazanga ukubetha i-Egypt kumdlalo wokugqibela kuGroup D namhlanje ebusuku. Lo mdlali obuthembisa kakhulu kwisiqingatha sokuqala uphele iMali ne-Egypt zibambene ngo’0-0.
Omabini la mazwe angene kwisiqingatha sokuqala ethe chu. Kubonakele kwantlandlolo ukuba afuna ukunikana ithuba lokufundana. Abadlali be-Egypt banikelene ngebhola bengangxamanga. Kuthe ngomzuzu wesine iYiphutha yahlasela, kunyanzeleke unozinti, u-Oumar Sissoko, aphume ezipalini ayochitha ibhola. Khange ichithe xesha nayo iMali, ihlasele – kodwa ibhola yayo yaphuma ecaleni kwepali.
Emva koko umdlali weMali ukhalele ipenela emva kokubhutyuza ibhola emhlabeni kakhipha – usompempe khange abenamdla.Kuthe xa imizuzu iphaya kwishumi, izinga lo mdlalo liye lanyuka ngoba abadlali bebefudumele futhi ilelo icala lifuna ukubhalisa kuqala ebhodini.
Kuye kwanyanzeleka asebenze u-Ahmed Elshenawi [unozinti we-Egypt] ngomzuzu weshumi elinambini, ibhola engqutywe ngentloko yifolosi yeMali iphantse yothusa umzi. Bathe chu abadlali be-Egypt neebhola zabo besiya edabini. Nangona bengamachule nje kwicala lokunikelana ngebhola – kodwa abadlali beMali bakwazile ukuncothula nokuxaba endleni yezobhola beziyingozi. Ukuba amathuba ibiwasebenzise kakuhle iMali, isiqingatha sokuqala ngesiphele inamagowuli aphaya kwisibini. Ngakumbi ibhola kaLassana Coulibaly ebintle ngomzuzu wamashumi amane nanye.
Amajiphutha abuye enomfutho kwisiqingatha sesibini, awuthathele kuwo umdlalo kwakhona. Amatyeli aliqela azame ukunkqonkqoza kwiimpondo zeMali. Khange bayekelele nabo abadlali beMali nangona amandla wwomdlalo wabo ubungasafani nasekuqaleni. Ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithathu unzinti weMali, uSissoko, wenze umsebenzi omhle ngethuba echitha ibhola ebiz kakubi. Uye waxakeka kakhulu unozinti we-Egypt kwimizuzu yokugqibela ngenxa yeMali ebifuna ukuthubeleza.
Mali: Oumar Sissoko, Hamari Traore, Salif Coulibaly, Lassana Coulibaly, Yacouba Sylla, Moussa Marega, Bakary Sako, Molla Wague, Sambou Yatabare, Mamoutou N’ndiaye, Ousmane Coulibaly.
Egypt: Ahmed Elshenawi, Aly Mosaad, Ahmed Hegazy, Ahmed Ibrahim(c), Tarek Hamed, Mohamed Ghaly, Mohamed Abouzeid, Mohamed Elneny, Marwan Fahty, Abdallah Bekhit, Mahmoud Hassan.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM