IMamelodi Sundowns ayinantanga kwiPSL

IMamelodi Sundowns iphinde yenza edume ngazo kwiveki ephelileyo.

AmaSandawana abethe iAjax Cape Town ngo’3-1 kumdlalo weAbsa Premier Soccer League obubaluleke kuwo omabini la maqela eLucas Moripe Stadium.

Iqela likaMuhsin Ertugral liye kwiDowns linethemba lokubuya liphethe into elinokuyisindisa ezembeni.

Ngelishwa lidibene neDowns ingenalusini futhi ebifuna impumelelo ukuze ithathe indebe yePSL ityeli lesibhozo ukusukela mhla yasungulwa ngo’96. Akukho mathandabuzo, iSundowns ngoompetha bebhola eMzantsi Afrika.

Kwisizini ephelileyo, indebe yathathwa yiBidvest Wits.

UPitso Mosimane wathembisa abalandeli beqela lakhe ukuba uza kuyoyithatha apho ikhoyo. Uyenzile lo nto nabadlali bakhe.

Impumelelo ezuzwe yiSundowns inkulu kakhulu – kodwa ayothusi kwaphela lo nto ngoba izilungiselela ngokupheleleyo phambi kokuqala kwesizini nganye.

Njengokuba abaqeqeshi bamanye amaqela besoloko bekriniza xa kufuneka amaqela wabo adlale kwiCaf – uPitso akakhali tu ngenxa yamava awafumene ekutyhutyhatyhutyheni izwekazi leAfrika.

Lo nto yenza kubelula nokulungiselela imidlalo yalapha eMzantsi Afrika.

UPitso ukuncomile ukungaxhamazeli kwabadlali bakhe ngethuba bedlala neAjax efake igowuli kuqala eLucas Moripe Stadium.

AmaSandawana ohlwaywe nguMosa Lebusa engalindelanga – kodwa akwazile ukuphumelela umdlalo ngamagowuli afakwe nguKhama Billiat, uRicardo Nascimento noSibusiso Vilakazi ngokulandelelana.

“Mandibabulele abadlali abangakhange baphumle ngenxa yeChampions League. Zange bakhalaza nangosuku olunye. Siphumelele nangona besidlala namaqela abephumle ngokwaneleyo. Ndibulela abalandeli, isigqeba esilawulayo nomongameli weqela,” utshilo uPitso.

Nangona iSundowns iphumelele – kodwa bekungelulanga konke konke. Uxinizelelo olufakwe kuyo (iDowns) ngamaqela afana neOrlando Pirates ayinyanzele ukuba ichophe ezithendeni ngamaxesha onke.

“Bekunzima kakhulu. Ndiyabazi abanye abantu abonwabanga – kodwa ke ndonwabile. Iqela lethu lidlala kakuhle kakhulu,” uvale ngalo mazwi uPitso.

UHlompho Kekana, uBilliat noPercy Tau abenze igalelo elibonakalayo kule sizini bancome ukusebenza ngokuzimisela okuboniswe ngabadlali bonke.