iMamelodi Sundowns ifundise ibhola simahla ifokofoko laseSeychelles

UCassius Mailula weSundowns no-Adrian Constance weLa Passe emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Iqela laseSeychelles, iLa Passe FC, liza kubuyela ekhaya libokoboko amacala yinduku yeMamelodi Sundowns. Ngorhatya lwanamhlanje, iLe Passe inikwe isifundo ngebhola simahla ngethuba ibethelwa oogqirha nezicaka yiSundowns ephumelele ngamagowuli asibhozo kwelinye emdlalweni weCAF Champions League obumhle eLoftus Satdium. Kanti kwimpelaveki egqithileyo, iSundowns icambalalise iLe Passe FC ngamagowuli asixhenxe eqandeni emdlalweni wokuqala weChampions League. Ewonke amagowuli afakwe kwifokofoko laseSeychelles alishumi elinesihlanu. Noxa yonke into ibiseyicalanye, iSundowns khange izibambe konke konke. Emizuzwini esixhenxe, Amasandawa ebesenkqenkqeza phambili ngegowuli elifakwe nguThapelo Morena ofumene ibhola elungisiweyo nguGaston Sirino.

Bazamile ukuxhathisa abadlali beLa Passe nangona iSundowns ibihlasela macala onke. Emva komsebenzi omhle owenziwe, iLe Passe iye yabhalisa nayo ebhodini. Igowuli layo lokubika ekhaya lifakwe nguFlorent Rajaoniasy emzuzwini wamashumi amathathu anesithandathu. Lo nto iyicaphukisile iSundowns ekhawuleze yaphendula ngegowuli elihle elifakwe nguCassius Mailula. Phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala, uMailula uphinde wangcangcazelisa umnatha yatsho yakhokela ngamagowuli amathathu kwelinye iSundowns. Emva kwexesha lophumla Amasandawana abuye esanxanelwe amanye amagowuli.

UGift Motupa, ongene kwisigaba sesibini, ufake elakhe igowuli ezuzwini wamashumi asixhenxe. Emva kwemizuzu emithandathu, uHashim Domingo ufake ibhola engene emva kokubetheka kunozinti weLa Passe obesediniwe kukuthatha iibhola emva kwakhe qho. Omnye wabadlali abebeyinkathazo, uNeo Maema, ufake igowuli lesithandathu. Emva kwakhe uphinde wafaka elinye uGift Motupa. Ngalo ndlela, iSundowns iphumelele ngamagowuli asibhozo kwelinye. Amasandawana aya kumjikelo olandelayo ngo’15-1. Akukho nto ingako enokubaliswa kwela Passe ngoba kucacile umgangatho webhola eSeychelles usephantsi kakhulu. Ibizama yona ukudibanisa iibhola – kodwa ngoba ibidibene noophopho, akukho nto ecacileyo ebide iyenze.