Emva kokuba iMamelodi Sundowns ivule kakuhle imidlalo yeCAF Champions League, uRhulani Mokwena uthi injongo yeqela kukuqokelela amanqaku alishumi ukuze libambe indawo ephezulu kuGroup B. Kwiveki ephelileyo, iSundowns izuze amanqaku amathathu emva kokubetha iAl Hilal yaseSudan ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obumhle obubanjelwe eLoftus Versfeld Stadium. Igowuli ephumelele ngalo lifakwe ngumdlali oyingozi, uCassius Mailula. Noxa iSundowns isaziwa ngokudlala umdlalo omhle nokufaka amagowuli kakhulu – kodwa ayikwazanga ukwenza lo nto kwiqela laseSudan.
UMokwena uyibethe ngoyaba leyo into ngelithi okubalulekilyo kuye sisiqalo esihle semidlalo yeCAF Champions League. “Sidlale kakuhle kakhulu phantsi kweemeko esidlale phantsi kwazo. Into ebalulekileyo ngamanqaku amathathu kwisigaba esikuso,” utshilo uMokwena ethetha neentatheli emva komdlalo ePitoli. “Ndiyavuyisana nabadlali ngoba amanqaku amathathu esiwafumeneyo abalulekile kakhulu. Okubalulekileyo kuthi ngoku kukuqinisekisa ukuba siyayiphumelela imidlalo yethu. Siyakuvuyela ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni wokuqala.
“Into esiyifunayo ngamanqaku alishumi apha kuGroup B ukuze sikwazi ukudlulela kwisigaba esilandelayo. “Nokuba uphumelele kanjani, into ebalulekileyo ngamanqaku amathathu. Bekufanele ukuba sifumene amagowuli aliqela – kodwa ngelishwa, alivunywanga elinye igowuli lethu,” utshilo uMokwena emva komdlalo. Amasandawana ajonge ukuqokelela amanye amanqaku apheleleyo xa edibana neCoton Sport FC yaseCameroon emdlalweni weCAF Champions League oza kube useRoumde Adjia Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoLwesihlanu.
Iqela likaMokwena liza kulwela impumelelo emdlalweni wale veki phambi kokudibana neAl Ahly emdlalweni wesithathu. IDowns iza kuthembela ngabadlali abafana noMthobi Mvala, uThapelo Morena, uPeter Shalulile, uThemba Zwane noMaila ofaka amagowuli ngendlela encumisayo. KwiCAF Conferation Cup, iMarumo Gallants iza kudibana neSaint Eloi Lupopo emdlalweni oza kube useStade des Martyrs emalanga ngeCawe. Kwiveki ephelileyo, iGallants ibethe iAl Akhdar ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni kaGroup A.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10