Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi iqela lakhe likulungele ukuthatha apho liyeke khona kwisizini ephelileyo. Oku ukutsho emva kokuba iSundowns yakhe iqoshelise utyelelo lwayo e’Australia – apho idlale khona imidlalo yokucweya eyinxalenye yamalungiselelo okuqala kwesizini ka2024/25.
Mnye umdlalo ophunyelelwe yiSundowns kweyidlale eYurophu – kodwa nangona kunjalo, uManqoba uthi abadlali bakhe bakwazile ukwenza umsebenzi kakuhle.
“Umsebenzi owenziwa ngabaqeqeshi, ngokwahlukana kwabo, uza kakuhle kakhulu. Sibuyela ekhaya siqinisekile ukuba iza kuqala siyilungele ngokupheleleyo isizini,” utshilo eqinisekile uManqoba kwikhasi lomnatha leSundowns.
Njengokuba uRulani Mokwena ehambile kwiiveki ezigqithileyo, kulindeleke ukuba uManqoba axhuzule imikhala encediswa nguSteve Komphela noRomain Folz ofike kwiveki ephelileyo. Bakhona abadlali abatsha ekujongwe ukuba baza kuqhuba njani kwisizini ezayo.
Phakathi kwabadlali abatykitywe kutshanje kukho uKobamelo Kodisang, Arthur de Oliveira Sale, Asekho Tiwani noKegan Johannes. Umqeqeshi ukwazile ukubabona abadlali abafana noKodisang noSale ngoba bebeyile eYurophu.
Nakubeni kusekutsha, uManqoba uthi unethemba lokuba ikhona into eza kuzuzwa yiSundowns emidlalweni yesizini entsha. “Indonwabisile indlela adlale ngayo uSale ngoba besifuna ukubona into anokusinika yona,” utshilo uManqoba ethetha ngoSales onconywayo osuka eBrazil.
“Yena usephantsi kwizinga esimfuna ekulo – kodwa usebenza ngokuzimisela kakhulu. Kwicala lokukhabela ipali mhle kakhulu. Sicinga ukuba uza kusinceda kakhulu emidlalwenii yethu. Kanti naye uKodisang udlale kakuhle. Ibe lilishwa nje, bekufanele ufumene igowuli,” utshilo umqeqeshi.
Emalanga ngoMgqibelo, iSekhukhune United idibana neCape Town City ngo-15:00, emva koko iPirates yamkela iSuperSport United. NgeCawe, iSundowns idibana nePolokwane City, yona iStellenbosch FC idibane neTS Galaxy.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM