IMamelodi Sundowns ilahlekelwe ngomnye umdlali wayo ophambili engozini yemoto

Kungaphelanga nenyanga kubhubhe umdlali, iMamelodi Sundowns iphinde yalahlekelwa ngomnye umdlali engozini yemoto. Iindaba ezingene ngentseni yanamhlanje zithi umdlali weSundowns ophambili, uMotjeka Madisha, ubandakanyeke engozini yemoto embi kakhulu eye yasuba ubomi bakhe ngoko nangoko.

Oku kuthiwa kwenzeke izolo ngorhatya (ngoMgqibelo) eKempton Park phantsi kwesithini saseKurhuleni Municipality emva komsitho weMamelodi Sundowns njengokuba ibibhiyozela amashumi amahlanu eminyaka. Unobangela wengozi akakacaci kwaye neMamelodi Sundowns ibingekazikhuphi iinkcukacha ngokubhubha kukaMadisha.

Kwiintsuku ezigqithileyo, iSundowns ibingcwaba uAnele Ngcongca owalahlekelwa ngumphefumlo engozini KwaZulu-Natal. I’solezwe lesiXhosa lithi ngxe kusapho nakwiSundowns yonke.