iMamelodi Sundowns ingcwabe iRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership

UCassius Mailula weMamelodi Sundowns noTshepo Rikhotso weRoyal AM emdlalweni weDStv Premiership obuseChatsworth Stadium namhlanje ngorhatya. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Iintshatsheli zeDStv Premiership ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, zifolise ngesibhaxu amaqela ebhola ekhatywayo aKwaZulu-Natal evekini enye. Kolu rhatya lwanamhlanje, iSundowns ungcwabe iRoyal Am ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni weDStv Premiership obushushu ngendlela emangalisayo eChatsworth Stadium. Kanti phakathi evekini, iSundowns ivuthulule iMaritzburg United esokolayo ngamagowuli amahlanu eqandeni. Emva kokuba iDowns ithobisele uManqoba Mgqithi, phantsi kukaRulani “Monalisa” Mokwena, iphumelele imidlalo emibini ngoku ilandelelana. Isantya somdlalo kwisiqingatha sokuqala besiphezulu. Iqela likaMamkhize lihlasele kuqala lisebenzisa abadlali balo abanamendu. Banyanzelwe abadlali beDowns emva ukuba banqande amanzi engena endlini.

Ekuhambeni kwexesha, bakwazile ukufumana isingqi sabo nangona bekunzima ukudlala ibhola yabo yesiqhelo ehamba phantsi. Iye yazicacisa iDowns ukuba iyokwenzani eChatsworth ngokubhalisa ebhodini ngebhola entle efakwe nguNeo Maema kwisigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini, iSundowns ilwele ukusonga umdlalo ngokukhangela igowuli lesibini. Khange ibe lula lo nto ngoba iRoyal Am ibizilwela. Kodwa ide yavuma ngethuba uCassius Mailula efaka igowuli lesibini leDowns. UMailula uzibonakalisile kwakhona ukuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu ngokufaka igowuli emidlalweni emithathu ilandelelana. Isikhonkwane sokugqibela esingcwabe iRoyal Am sifakwe nguSurprise Ralani ofumene ibhola elungiswe nguGaston Sirino oshiye amadoda ezizigede ekunxele.

Noxa kungangenanga nto kuRonwen Williams – kodwa imsebenzisile kakhulu iRoyal Am engaqhubi kakuhle njengakwisizini egqithileyo eyisonge ikwindawo yesibini. Njengokuba imidlalo yeDStv Premiership iza kunqumama ngenxa yemidlalo yeFIFA World Cup, iSundowns ihleli phezulu. Ilandelwa yiRichards Bay edlala neChippa United ngomso. Emva kwayo yiKaizer Chiefs ebethe iPirates ngo’1-0 emdlalweni obuseFNB Stadium namhlanje. Komnye umdlalo, iMarumo Gallants ibethe iCape Town City ngo’2-1. Izolo, iGolden Arrows ibethe iMaritzburg United ngo’2-0. Akukho midlalo kwiveki ezayo ngoba AmaZulu ne-Orlando Pirates zidlala umdlalo wokugqibela weMTN8 ngoMgqibelo eMoses Mabhida Stadium. Emva koko: iChiefs, AmaZulu, iPirates neSundowns ziza kudlala iCarling Black Label Cup yosuku olunye ngomhla weshumi elinambini kweyeNkanga eFNB Stadium.