Ekugqibeleni, iMamelodi Sundown ide yabethwa.
Njengoko bekulindelekile, umdlalo uxhome zisuka ngenxa yokunxanelwa kwala maqela amanqaku apheleleyo kulo mdlalo. Liqela likaPitso Mosimane, iMamelodi Sundowns, elifumene amathuba acacileyo kwisigaba sokuqala. UPercy Tau, uSibusiso vilakazi noThemba Zwane bebeyiphethe mantsantsa phaya emva
Umdlalo uthande ukuba kwelinye inqanaba kwisigaba sesibini ngoba kuye kwacaca ukuba omabini afuna impumelelo. iqela ebelidlalela ekhaya lilo eliqhufuze iqanda ngebhola kaKapteni – uManyama, othande ukuthi kratya kunabanye abadlali ngoku ngoku kwicala lokufaka amagowuli. Khange iyekelele iDowns, ihlasele kakhulu – kodwa ayikwazanga kwade kwasekugqibeleni ukusebenzisa amathuba nangona ibesenza iimpazamo emva iCape Town City. Ngoku iqela lika-Eric Tinkler lithe ngcu phezulu kwiPSL emva kokuquthisa iSundowns enkundleni yayo eKapa.
Kwelinye icala, iBidvest Wits ivuthulele iBloemfontein Celtic ngo’3-1 kumdlalo wePSL obubanjelwe eBidvest Stadium kobu busuku. Amagowuli weWits afakwe nguKapteni uThulani Hlatshwayo, uBuhle Mkhwanazi noGabadinho Mhango.
Yona iChippa United ibethwe yiPlatinum Stars ngo’2-1 kumdlalo obuseRoyal Bafokeng Stadium. IiChilli Boys zitsazise igazi kuqala kwisigaba sokuqala somdlalo ngebhola efakwe nguLerato Manzini. kwisigaba sesibini iDikwena ibuye ngamandla yafuma amagowuli amabini afakwe nguRobert Ngambi noBenson Shilongo.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!