IMamelodi Sundowns ityikitye umdlali wase-Algeria!

Ufares Hachi ngumdlali omtsha weMameldi Sundowns.

IMamelodi Sundowns ibhengeze igama lomdlali wayo omtsha ogama linguFares Hachi namhlanje emini-maqanda. UHachi, obekade edlalela i-ES Setif, uzakudlala kweli lozwe loMzantsi Afrika emva kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho kwiqela ebelidlalela.

Lo mdlali, oneminyaka engamashumi amabini nesixhenxe, wabonwa nguqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, ngethuba i-ES Setif idlala neSundowns kumdlalo weCaf Champions League kunyaka ophelileyo.

UHachi uziqeqeshe neli qela laseChloorkop ngethuba kuhlatye ikhefu ngenxa yemidlalo ye-2017 Africa Cup of Nations. Umqeqeshi nabancedisi bakhe bayithandile kakhulu indlela lo mdlali adlala ngayo.

“Siyamthanda, okubalulekileyo kukuba naye uyakuthanda ukudlala apha eMzantsi Afrika kwaye ufuna nokudlala kwimidlalo yeCAF,” utshilo uMosimane kwikhasi lomnatha leSundowns.

Lo mdlali ubhaliswe nakwiPremier Soccer League. Kungoku nje ukwiqela elizakudlala neBloemfontein Celtic umdlalo wePSL ngokuhlwa namhlanje. Utyikitye iminyaka emine kwiiBrazilians nethuba lokuvuselela isivumelwano sakhe ngonyaka omnye, kwaye ungumdlali wokuqala osuka e-Algeria ozakudlala kwiPSL. Uchithe ixesha elide edlala eFrance phambi kokubuyela elizweni lakhe.


Image may contain: 4 people, people standing

Unozinti weSundowns uDenis Onyango uvuselelwe ikontraka yakhe ngeminyaka emine, nomdlali odlala phambili u-Anthony Laffor wongeze iminyaka emibini kweli qela lasePitoli emva kwamarhe ebesithi usendleleni eya kwiKaizer Chiefs.

Previous articleVela Bahleke
Next articleKumnyama eMzamomhle
SHARE