IMamelodi Sundowns ziintshatsheli zeSuper Cup!

Ricardo Nascimento of Mamelodi Sundowns celebrates a goal with teammates during the TOTAL CAF Super Cup match between Mamelodi Sundowns and TP Mazembe on 18 February 2017 at Loftus Verveld Stadium ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Oompondo zihlanjiwe kwibhola ekhatywayo kwi-Afrika iphela – iMamelodi Sundowns – baphinde benza abadume ngazo namhlanje ngokuthi babethe iTP Mazembe ngo’1-0 kumdlalo weSuper Cup obunzima kakhulu eLoftus Stadium kwimizuzu embalwa edlulileyo. Le yindebe yesibini efunyanwe yiSundowns kwisithuba nje seenyanga ezintathu. Oku kulandela emva kokuba iphumelele iCaf Champions League ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo.

Iqela laseDR Congo, iTP Mazembe, kubonakele ukuba lize eMzantsi Afrika linenjongo. IMazembe ikhawuleze yaphuthaphutha iipali apho zingakhona – kodwa ngelishwa iifolosi zayo zifike uDenis Onyango evale mba.

Nangona iindwendwe beziyixhesha iSundowns ekuqaleni komdlalo, kuthe kodwa emva kwemizuzu embalwa, yayifumana indlela yayo edlala ngayo. Kwakwisigaba sokuqala uKhama Billiat no-Anthony Laffor bekumele ukuba bafake amagowuli – kuba iMazembe ibivale mba emva ayikwazanga. Litshintshe igiya iqela likaPitso Mosimane kwisiqingatha sesibini – kodwa bekucaca ukuba alidibenanga needyongo.

IiBrazillians zifumene igowuli lempumelelo ngebhola efakwe nguRicardo Nascimento waseBrazil ngepela emva kokuwiswa kukaHlompho Kekana emhlabeni kanozinti. Amakhwenkwe kaPitso awudlale kakuhle lo mdlalo, khange ayidelele iMazembe ngoba ebeyazi ukuba iyingozi kwaye bekubonakala ukuba kudlala amaxhwangusha azithembileyo. Ngoku uPitso Mosimane ngumqeqeshi wokuqala eMzantsi Afrika ophumelele iChampions League neSuper Cup.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Arendse, Nascimento, Morena, Mabunda, Kekana, Zwane, Laffor, Billiat, Tau.

TP Mazembe: Gbohouo, Issama, Kimwaki, Coulibaly, Kasusula, Sinkala, Adjei, Kalaba, Asante, Malango, Elia.