IMamelodi Sundowns ziintshatsheli zeTelkom Knockout zika-2019!!

Mauricio Affonso of Mamelodi Sundowns challenged by Rushine De Reuck of Maritzburg United during the 2019 Telkom Knockout final match between Maritzburg United and Mamelodi Sundowns at Moses Mabhida Stadium Durban, on 14 December 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kwemuzuzu
engamashumi alithoba, iMamelodi Sundowns ithwaliswe isithsaba
njengeentshatsheli zeTelkom Kockout zika-2019 emva kokubethwa iMaritzburg
United ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni obumhle eMoses Mabhida
Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Kokwesibini iSundowns iphakamisa iTelkom Cup
kwisixeko saseThekwini. Ngonyaka ka-2015, iSundowns yavuthulula iKaizer Chiefs
ngamagowuli amathathu kwelinye. Namhlanje iphinde yenza ezibukwayo. Iqhawe leSundowns
ibe yifolosi eyingozi kakhulu efake amagowuli amabini emdlalweni wanamhlanje –
uMauricio Offonso. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMaritzburg United ihamba
phambili ngegowuli elinye elifakwe nguJudas Moseamedi – ongene phakathi
kukaDenis Onyango noLebusa ngetshova walivalela emnatheni.

Umdlalo
weSundowns uye watshintsha emva kokufakwa kwegowuli kuyo – kodwa khange ikwazi
ukufaka igowuli lokulinganisa ngenxa yabadlali beTeam of Choice ababevale mba emva
kwisigaba sokuqala. Emva kwekhefu, iSundowns iye yazicacisa ukuba
ingoompondozihlanjiwe ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokuthi igubungele
iMaritzburg United ebizilahlele nofele emdlalweni ebisilwela ukuphumelela
iTelkom Cup okokuqala kwimbali yebhola yeli lizwe. Amagowuli amabini afakwe
nguMauricio Offonso anike iSundowns impumelelo ebalulekileyo namhlanje
eThekwini. UGaston Sirino, uHlompho Kekane no-Andile Jali ngabanye babadlali
abathe banceda iDowns emdlalweni wanamhlanje.

  

Maritzburg: Ofori, Morgan, Kunene,
Mngonyama, De Reuck, Allie, Buchanan, Claasen, Shandu, Timm, Moseamedi.

Amalalela: Mpandle, Sanoka, Jappie, Mekoa,
Lea’alafa, Kutumela, Augusto.

Sundowns:  Onyango, Langerman, Morena,
Madisha, Jali, Kekana, Lebusa, Zwane, Mkhulise,  Sirino, Affonso.

Amalalela: Mweene, Arendse, Lakay, Ngcongca,
Makgalwa, Mabunda, Vilakazi.