Ukujikeleza kwabadlali kumaqela ohlukeneyo kumaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League kuqhubela phambili, kodwa yona iMaritzburg United ayifuni ukuphulukana nomdlali wayo obalulekileyo.
Oko kuthe kwavulwa ithuba lokuthengisa nokuthengwa kwabadlali kubekho amaqela afuna ifolosi yeTeam of Choice, * -Evans Rusike. Loo maqela yiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns.
Kwiveki ephelileyo, Isolezwe, lidize iindaba ezithi umanejala weChiefs, uBobby Motaung, uthethathethana neli qela laKwaZulu Natal ukuze limthengisele lo mdlali, kodwa ukuzothi ga ngoku akakaphumeleli kwelo linge. Into ebangela ukuba iMaritzburg United ibambelele okanye kungabilula ukukhulula lo mdlali kukuba ngomnye wabadlali abanamandla angumangaliso kweli qela.
Lo mdlali, unamashumi amabini anesithandathu eminyaka, kulindeleke ukuba umqeqeshi weMaritzburg United, * -Ernst Middendorp, amenze oyena mdlali wakhe obalulekileyo kwisizini entsha.
URusike ngomnye wabadlali i-United ethe yaxhathisa ngabo kwisizini ephelileyo ebinamagingxi-ginxi, futhi udlale indima ebalulileyo ekuphepheni kweli qela izembe kwisini ephelileyo. Ingqonyela yeMaritzburg United, uYounus Kadodia, uvumile kumajelo eendaba ukuba akhona amaqela aseGauteng amfunayo, kodwa abanazo iinjongo zokumthengisa. Kwanga xeshanye i-United ithe ayizimiselanga kumthatha omnye omdlali osuka ngaphandle. Umdlali waseTanzania, * -Olivier Kwizera, akasenayo indawo ngoba imithetho yePSL ivumela abadlali bangaphandle abangekho ngaphaya kwesihlanu.
Yona iMaritzburg United seyifikile kwelo nani. Kwiveki ephelileyo eli qela libhengeze abadlali abaliqela abazakulincedisa kwisizini ezayo.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo