IMaritzburg United igacele umdlali weChiefs

UKeagan Buchanan ufunwa shushu yiMaritzburg United. Umfanekiso: BackpagePix

Njengokuba kusondela ixesha lokuthengwa nokuthengiswa
kwabadlali – amaqela adlala kwiPSL azakuthi bhazalala ekhangela abadlali. Omnye
wabadlali ekubonotsalwana ngaye nguKeagan Buchana odlalela iKazier Chiefs. Lo
mdlali kuthiwa ugacelwe yiMaritzburg United. Kule sizini akakalinikwa ithuba
lokudlala nguSteve Komphela kwiChiefs – kodwa kubonakala ngathi kungabolekiswa
ngaye ukuze abenokufumana ithuba lokudlala kwakhona.

Usihlalo weTeam of Choice, uFarook Kadodia, uke wazama
ukuthetha nomanejala weChiefs, uBobby Motaung, malunga nokufumana lo mdlali –
kodwa iinzame zakhe zawa phantsi. “Besimfuna phampi kokuqala kwale sizini
uBuchanan, uBobby Motaung wathi lo mdlali simfunayo usekwizigcwangciso
zomqeqeshi. Ungumdlali osezingeni eliphezulu kakhulu. Ukuba iChiefs ingasinika
imvume yokuthetha naye singavuya kakhulu. UBuchanan ngumdlali esingakuvuyela
ukusebenza naye,” utshilo uKadodia kwiSolezwe.

Omnye umdlali oncwaswe leli qela laseMgungundlovu nguKwanda
Mngonyama osezincwadini zeMamelodi Sundowns. Uhleli nje kwiDowns kuba
enesivumelwano nayo – kodwa yena akekho kwiqela labadlali elifunwa nguPitso
Mpsimane. Ukugushuza kwalo mdlali kwiChiefs kuyevakala ngoba unethuba elide
engasalifumani ithuba lokudlala. Kwindawo adlala kuyo kufakwa uGeorge Maluleka
nomdlali osakhulayo uWiseman Meyiwa – ngoku benza kube nzima kakhulu kuye. Nangoba
waye fike onzakele phambi kokuqala kwesizini ka-2016/17 – kodwa ngoku uphile
ungumqaba-qaba kwaye ukulungele ukudlala. Ukuya kwakhe kwiMaritzburg
kungayinceda njengokuba ifuna ukuqinisekisa indawo yayo phakathi kamaqela
akwiTop 8 xa kuphela isizini – kodwa angatsho akwazi naye ukuvuselela ikhono
lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo. Ezivakalayo iindaba zithi iChiefs kulindeleke ingene
emakethe kakhulu xa kuvulwa inyoba yokuthengwa kwabadlali abatsha ekuqaleni
konyaka ozayo. Yifolosi enokufaka amagowuli eyona nto ifunwa nguKomphela –
kodwa kukhona ukuhexa okuthile nakubadlali basemva.