UMnumzana Abram Sello uqinisekisile ukuba iMarumo Gallants iza kuligcinga igama layo kwisizini eza kuqala kwinyanga ezayo. Kwiveki egqithileyo, bekukho amahumhum athi iMarumo Gallants iza kuguqulwa igama ibe yiBloemfontein Celtic njengokuba ikhethe ukudlalela imidlalo yayo kwiphondo laseFree State.
Oku kwenzeka emva kokuba uMnu. Sello ethenge iMoroka Swallows edlala kwiDStv Premiership. Ngalo ndlela indawo yeSwallows iza kuthathwa yiMarumo Gallants kwiDStv Premiership.
Yona iSwallows iza kuya kwiMotsepe Foundation Championship – apho bekudlala iMarumo Gallants. “Sibhalise kwiPSL igama elithi Marumo Gallants. Lo nto ithetha ukuthi akukho gama eliza kutshintshwa,” utshilo uMongameli ethetha neentatheli ngoLwesibini wale veki eGoli.
Abalandeli bebhola eBloemfontein bayaziwa ngokuthanda nokuyixhasa imidlalo yebhola ekhatywayo. Ukufuna kukaMnu. Sello ukuguqula igama khange kothuse ngoba ebefuna into abaza kuzingca ngayo abantu.
Kodwa ngoba abanikazi beBloemfonteini Celtic bafuna imali eninzi, lo nto kuyacaca ukuba ithobe umdla womnikazi weMarumo. “Sigqibe kwelokuba sigcine igama lethu ngoba sifuna igama eliza kuhlala liyimbali. Kubalulekile ukuba abantu bazi ukuba iBloemfontein Celtic isekhona futhi idlala kwiABC Motsepe League.
“Into esiyifunayo ngoku kukuvuselela iMarumo Gallants kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo,” utshilo uMnu. Sello. Balishumi elinesithathu abadlali abashiyeke kwiSwallows.
Abo badlali baza kudibana nabeMarumo Gallants. Uxanduva lokuhluza abafunekayo lishiyeke kuDylan Kerr oza kuqeqesha iqela kwisizini elandelayo. Ubuyele eMzantsi Afrika emva kokubuyela kweGallants kwiDStv Premiership.
“Besinabadlali abangaphaya kwamashumi amahlanu (57) ejimini ngosuku lokuqala. Sesiqalile nokuliphungula inani ngoba sifuna ukulungiselela umsebenzi esijongene nawo,” utshilo uKerr okhe wayinceda iMarumo Gallants yaphumelela indebe ngaphambili.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!