Imbaleki yakuGatyane ifungele iCape Marathon!

UNtombesintu Mfunzi ophumelele kwiAfrica Day Marathon eMonti ngeCawa

Inenekazi lembaleki lelali yakuNtsimbakazi kwidolophu yakuGatyane, linikele umva iMonti lincumile futhi lingakholelwa ukuba lilo eliphumeleleyo emva kokuphuma phambili kugqatso obe luququzelelwe lisebe lezeMidlalo noLonwabo kwiphondo leMpuma Koloni kutshanje.

UNtombesintu Mfunzi, 36, ugoduke efumbethe ishumi elinesibini lamawaka eerandi (R12 000) esandleni kwaye evuyela neempawu zokuphucuka komsebenzi wakhe emva kokuzenzela igama eMonti.

Le ntokazi ezinze kwidolophu yaseBhayi yeza kumdyarho weembaleki isebe ebelibhiyozela ngayo inyanga yamaAfrika linento enye engqondweni yalo: ukwenza ngcono kunakuqala ngethuba libaleka eMonti.

Ngoku uMfunzi uthi uzilungiselela iHalf Marathon eza kube iseBhayi kwiinyanga ezizayo neCape Town Marathon – olona gqatso azimisele ukuzibonakalisa kulo nyaka.

“Ndiye kakhulu ngoba kaloku mna ndisuka kuGatyane, kwimidyarho yeembaleki elapha eMpuma Koloni – ndiye ndizame ukuze intshinga ishiyeke apha. Nangoku sithathe isigqibo sokuza apha ngoLwesihlanu ukuze ndikwazi ukufumana ithuba lokungena kwiHalf Marathon eza kube iseBhayi kulo nyaka,” utshilo uMfunzi.

Nakubeni uMfunzi enethuba elide ebaleka – kodwa impumelelo ayifumene eMonti imkhuthazile kakhulu futhi imbonisile ukuba zininzi izinto ezinokwenzeka ukuba usebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke.

“Izinto zihambe kakuhle ngoba silungiselela iCape Town City Marathon. Umqeqeshi wam undibekele ixesha elithile kuyo afuna ndibaleke lona. Ukuza kwam apha yinxalenye yamalungiselelo wam okuya eKapa. Ndiqinisekile ndiza kukwazi ukuzibaleka iiyure ezimbini kwiCape Town Marathon. Kunyaka ophelileyo ndibambe indawo yesihlanu kwiOceans Marathon, kulo nyaka ndifumene indawo yeshumi kwixesha elingaphantsi kweeyure ezine,” utshilo uMfunzi.