Imbaleki yakuTsolo ifuna ukunceda ulutsha

Iimbaleki eziphumeleleyo nomphathiswa uPammy Majodina. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Umdyarho walo nyaka we-Elliot Madeira Charity Club uphunyelelwe nguXolisa Tyhali ngempelaveki ephelileyo. Lo mfana wakuTsolo uphumelele i12km ngexesha eliyure nemizuzu emine(64:47), ulandelwe nguLungile Gqogqa no-Anele Dlamini.

Umdyarho walo nyaka uxhaswe yimibutho yeembaleki efana ne-Athletics Transkei neDsrac kwaye umgangatho womdyarho ubukwelinye inqanaba. UXolani Tyhali uthe kuyamvuyisa ukuphumelela indawo yokuqala njengomntu ozalelwe kufutshane naseMthatha.

“Ndiqale ukubaleka apha eMthatha phambi kokufudukela eRhawutini, ndiyalivuyela lixesha endiphumelele ngalo apha. Ukuziqeqesha kabini ngosuku kuko okundenze ndaphumelela. Ndingavuya ukuba ndingafumana ithuba lokuvula isikolo seembaleki apha ukuze ndiqeqeshe abantwana abasakhulayo,” utshio uTyhali.

Ubuqhitala bamagosa alawula amaqumrhu eembaleki kwiindawo zethu yeyona nto iyingxaki enkhulu kwiimbaleki nangona italente yona ikhona. Usihlalo we-Elliot Madeira Charity Club, uThemba Mtshabe, uthe umgangatho walo nyaka ubuxhome kakhulu lo nto ingqinwe ngamakhulu asibhozo abantu abathathe inxaxheba emidyarhweni xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo.

“Sonelisekile ngamanani abantu abathe bathatha inxaxheba neembaleki ezisuka kumaphondo ohlukeneyo. Injongo zethu kukukhulisa abantwana abaziimbaleki ukuze kuzovela amahlumelo wooCaster Semenya wangomso. Kwiminyaka emibini ezayo, sifuna kukhutshiswane ngomgama oyi-42 km ukuze abaphumeleleyo bakwazi ungenela kwimidyarho yeembaleki emikhulu,” utshilo uMtshabe.

ULungisa Molwana, umongameli we-Athletics Transkei, uthe lo mdyarho ukhulise iintshatsheli ezahlukeneyo kwaye uphunyelelwe ngabantu baseMthatha. Yena umphathiswa uPemmy Majodina uthe lo mdyarho ubalulekile ngoba imidlalo sisixhoba sokwakha ubumbano kwiintlanga zonke. Iimbaleki eziphumeleleyo zifumene iimbasa, imali nezinye ezinto.