Imbaleki yaseCofimvaba ifuna ukugqugqis’ ihlabathi

UZuko Kupiso waseQamata, eCofimvaba, uzimisele ukuzenzela igama ngokubaleka imidyarho yehlabathi Umfanekiso: uthunyelwe

Nangona ubomi babantu bumiswe ngxi yikhorona kodwa iimbaleki ezifana noZuko Kupiso aziyekanga ukuphupha.

UKupiso, 25, waseQamata, eCofimvaba, unomnqweno wokubaleka imidyarho emikhulu kodwa ingxaki yakhe kukuswela umntu onokumxhasa ngemali.

Sele ezibonakalisile uKupiso okokuba uyimbaleki enekamva eliqaqambileyo ngokubaleka kwimidyarho efana neChris Hani Marathon, iTsomo Race, iHeroes Marathon neLegend Marathon.

“Ndakhula ndikuthanda kakhulu ukubaleka. Yakhula into yokubaleka ezikolweni endandifunda kuzo ndade ndayotsho koomaKaladokhwe nakwiqela laseBhayi. Emva kwexesha ndathathwa liqela leembaleki laseTsomo ekuthiwa yiFuture Striders elalikhokelwa nguMnu. Mlalani. Ndaphathwa kakuhle ke apho kodwa kunyaka ophelileyo, ndiye ndathathwa liqela laseMonti. Kuye kwabhetele kulo ngoba lindinika zonke izinto zokubaleka,” utshilo uKupiso owaqala ukubaleka ngo2013.

Ngoba ukubaleka yinto ayithandayo futhi azimisele ukuziqaqambisa ngayo, uKupiso uziphose ngemva zonke ezimbi adibane nazo ebomini bakhe kodwa iliso lakhe lahlala kwizinto azifunayo.

“Ebekhona amagingxigingxi phaya naphaya. Bekukhe kwanzima nokufumana izihlangu zokubaleka nemali yokuhamba xa kufuneka ndiyokubaleka emidyarhweni ekude. Kodwa noko izinto zaye zaphucuka kwela qela laseBhayi ngoba lalindinika izinto zokubaleka futhi lisithwala ngokwalo xa sisiya emidyarhweni yeembaleki. Ndizimisele ukubheka phambili. Umnqweno wam kukubaleka imidyarho yehlabathi efana neComrades Marathon neminye emikhulu. Ndisemncinane okwangoku kodwa yinto endiyifunayo leyo,” utsho uKupiso.

Le mbaleki yaziwa ngokubaleka imigama emide nequka i10km, 15km, i21km neminye kwaye ingavuya kunobakho umntu onokuyinika inkxaso yezimali ukuze ifezekise iphupha layo.

“Ndincedwa ngumama kodwa ukunqongophala kwenkxasomali eCofimvaba kuyabetha. Ndizimisele ukusebenza ngokuzimisela ndinethemba lokufumana iqela elinokuthi lindilungele futhi lindixhase ngokupheleleyo,” utsho uKupiso.