Imbaleki yaseMdantsane iza kuxhaswa ngu-Under Armour

UThalia Charambous, Nobukhosi Tshuma, Luthando Hejana noSibusiso Madikizela

KweyeThupha kulo nyaka iimbaleki ezingamakhulu amabini zafaka izicelo zokuba ziiUnder Armour Elite Runners eMzantsi Afrika.

Kwelo nani kwahluzwa, kwathathwa abane kuphela. Kweso sine kukwakho noLuthando Hejana wakwaNU 9 eMdantsane, eMonti.

“Ndisebenze kakhulu. Kudala ndilifuna eli thuba. Ndide ndalifumana namhlanje,” kutsho uHejana.

EMdantsane uHejana ukwanayo nenkqubo yokuthatha abantwana abancinci ayokubaleka nabo kusasa. “Ndineqela lamakhwenkwe angamashumi amahlanu endinawo phaya endiwaqeqeshayo.”

Kule veki uthatha inxaxheba kwiSoweto Marathon nalapho eya kube eyokozelisa iimpahla neeteki zokubaleka ezintsha zakwaUnder Armour.

“Zimpahla ezikulungele kakhulu ukubaleka kwaye zenziwe ngobuchwepheshe bale mihla. Zilunge mpela!”

Le nkampani yeempahla ifike eMzantsi Afrika ngo2016 kwaye sele ineevenkile ezilishumi kweli. Kwiidolophu ezincinci basebenzisa ezinye iivenkile ezithengisa iimpahla zemidlalo.

Sithethe nonozakuzaku wale nkampani kweli, uLorianne Cloete, nothe: “Xa sizimanya neembaleki siye siqinisekise ukuba sisivumelwano eside. Asifuni nto ingako kwiimbaleki; sifuna nje ukubaxhasa ngeempahla zethu, ukubasa apha naphaya xa kufuneka bebalekile kwaye sive uluvo loluntu ngeempahla zethu ababaleka ngazo,” kutsho uCloete.

Le nkampani ikwaxhasa nabanye abadlali abafana nooKevin Lerena oyintshatsheli yamanqindi kwi-IBO Cruiserweight noSiviwe Soyizwapi weSpringbok Sevens.

NgoMgqibelo, I’solezwe lesiXhosa lifumene ithuba lokubaleka i5km noLuthando Hejana eWaterfront, eKapa, nalapho bekukho ezinye iimbaleki ezintathu ezikhethwe njengee-Elite Runners zikaUnder Armour.

UThalia Charalambous waseBhayi yenye yazo. Ukanti noNobukhosi Tshuma waseZimbabwe ukhethiwe, kugqibelise noSibusiso Madikizela wakwaZulu-Natal. Bonke ziimbaleki ezinamaxesha amahle kakhulu kwiindidi ngeendidi zeeMarathon. Bavakalise uchulumanco ngale nkxaso eza kubancedisa naninina xa befuna ukubaleka.