Imbaleki yaseNgqamakhwe iphakathi kwazo eGermany

UXoliswa Bici ephahlwe ziinkokeli zaseburhulumenteni phambi kokuntingela eJamani. Umfanekiso: Anele Raziya

Imbaleki yaseNgqamakhwe, uXoliswa Bici, untingele eJamani (Germany) – apho azakuthatha inxaxheba kwiHannovar Marathon 42 KM, ngeCawe kusasa.

UBici,38, wabamba indawo yesine ngo’2016 kwiHeroes Marathon 42KM, eMthatha, nto leyo emnike ithuba lokubaleka eJamani okokuqala ezimbalini.

Umasipala waseMnquma ukhuthaze elinenekazi kumsitho ububanjelwe eCouncil Chamber phambi kokuhamba kwalo izolo.

Kulo msitho bekukho izithethi ezahlukeneyo ngokohlukana kwemidlalo kwakunye namagosa kaMasipala ezokhuthaza uBici.

UThobokazi Ntanga othethe egameni likaMasipala uthe: “Yimbali le yenziwa nguBici, eyokuba abeyimbaleki yokuqala uyokumela uMnquma kule Marathon.”

“Iyabhalwa imbali eludongeni namhlanje, kuba ulinenekazi, yimbaleki yokuqala uyokhuphisana eJamani,kwaye sinethemba lokuba lizakubuya nodumo,” utshilo uNtanga.

Nangona ezakube eqala ukubaleka kwiHannovar Marathon,kodwa uBici uthi uzimisele ukungaludanisi uluntu lwaseMnquma.

“Ndiya kwiHannovar Marathon ndijonge impumelelo kuphela njengoko ndizilungiselele ngokwaneleyo” itshilo uBici.

Le mbaleki yabamba indawo yokuqala kwiHeroes Marathon 42KM ngo’2009, yaphinda yaphumelela amatyeli alithoba iBonkolo Marathon (42KM).

“Ndisoloko ndiqhuba kakuhle kweezi-42KM kuba ndibaleke iminyaka elithoba kwiHeroes Marathon, zange ndangaphandle kwimbaleki ezilishumi eziphume phambile” utshilo uBici.

Usihlalo webhunga lezemidlalo eMnquma,uSimphiwe Tsipa, uthe esi sisiqalo esihle sikaBici, kwaye unethemba lokuba uMasipala uzakuhlala ebanika inkxaso.

UBici uphiwe neempahla yokubaleka nokunxiba ebhalwe igama loMasipala.

UBafundi Makhubalo obemele isebe lezemidlalo ephondweni, uthi intsebenziswano eyatyikitywa phakathi kuka rhulumente weli phondo nowaseJamani inika ithuba neembaleki zeli ukuba ziyokubaleka kwela lizwe.