Imeko kaPaseka Mako izinzile – kodwa uphantsi kweliso loogqirha esibhelele!

Abadlali bePirates neBaroka bengqonge uPaseka Mako obewe phantsi emva kokugqutywa ngedolo ngempazamo nguRichard Ofori. Umfanekiso: Kabelo Leputu/BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo, i-Orlando Pirates, lithi imeko kaPaseka Mako izinzile esibhedlele. UMako, 28, ubalekiselwe esibhedlele saseGoli izolo ngokukhulu ukukhawuleza emva kokonzakala emdlalweni obuphakathi kwePirates neBaroka FC. Wonzakele emva kokungqutywa kabuhlungu ngugxa wakhe, uRichard Ofori, ophume emhlabeni wakhe wayokuchitha ibhola ebiphezulu isiza ezipalini zakhe. Njengokuba kuvele ingozi sele ixesha lomdlalo selibuphela, usompempe uye wawuphelisa umdlalo emva kokuthathwa kukaMako amaqela ebambene ngeqanda macala.

“Ugqirha uthe akukho monakalo owenzekileyo entloko okanye ukuphazamiseka kwengqondo kuMako. Kodwa kukho ukonzakala akufumeneyo ebusweni nasempumlweni yakhe. Uza kuhlala egumbini lezigulane esibhedlele – apho aphantsi kweliso elibukhali loogqirha,” utshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates ekuseni namhlanje. Emva kokuwa kwakhe, kubekho uloyiko kakhulu ebantwini. Into eyenze kwakubi ngakumbi ebadlalini ibe kukucotha kwenqwelo yezigulana ebingenamqhubi ngethuba lesehlo ebaleni.

Umqeqeshi wePirates, uFadlu Davids, ukugxekile ukuhamba kancinci kwamagosa ezempilo emva komdlalo izolo ebusuku. “Bekungekho mntu emotweni yezigulane ngethuba kusonzakala uMako ebaleni. Andazi nokuba ebeyokubukela ibhola na. Kufuneka uhlale ilindele nantoni xa uligosa lempilo. Ndibaqhwabela izandla oogqirha bethu abakhawuleze bamnceda umdlali,” utshilo uDavids othe umdlali umdlali uhanjiswe ngemoto yezigulane sele ephaphamile.

Iziphumo zomdlalo ayizolo zicuthe amathuba wePirates okufumana indawo yesibini ekuliwa ngayo ngamaqela amathathu. Kanti yona iBaroka ilamkele inqaku elinye nangona isasokola emsileni weDStv Premiership. Ngoku Ezimnyama zilungiselela ukudibana neSimba emdlalweni weCAF Confederation Cup ngaphandle kukaMako. Kufuneka iyiphumelele yonke imidlalo yayo iBaroka ukuze isinde ezembeni – kodwa nalapho kwakuxhomekeka ukuba aqhuba njani amanye amaqela asentla kwayo.