IMelika iphakamise indebe yehlabathi ityeli lesine namhlanje eYurophu!

USA players celebrate with the trophy after winning the FIFA Women's World Cup 2019

Amagowuli
amabini afakwe kwisiqingatha sesibini somdlalo anike iqela lesizwe lebhola ekhatywayo
lamanenekazi laseMelika (U.S.A) impumelelo emdlalweni obumhle ngendlela emangalisayo
eGroupama Stadium, eLyon, emalanga namhlanje. IMelika izibonakalisile okokuba
ayinantanga kwibhola yamanenekazi nggokubetha iNetherlands ebizimisele ngamagowuli
amabini eqandeni (2-0). Nangona abadlali beNetherlands kubakhubekisile
ukubethwa kwabo emdlalweni wokugqibela kwindebe yehlabathi (2019 Fifa World
Cup) – kodwa okwakuthi kubaxolisa yindlela abadlale ngayo. Abalandeli bebhola
abebebukele umdlalo wanamhlanje bebeqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu
anesixhenxe amawaka (57 900) kwaye bagoduke bexolile ngoba banikwe umdlalo
osemgangathweni ophezulu ngamazwe aphambili kwibhola ekhatywayo yamanenekazi.

Image may contain: 7 people, people smiling, crowd and outdoor

Igowuli lokuqala
leMelika lize ngeVAR emva kokuba umdlali wayo edlalwe kakubi ngumdlali
weNetherlands engaphathi emhlabeni kanozinti. UKapteni uMegan Rapinie wophise
kuqala ngaloo penela. Emva koko, iMelika icinezele ngamandla yade yafumana
igowuli elisibini elifakwe ligqala elidlale ibhola ephucukileyo – uRose Lavelle.
Namhlanje iyiphakamise ityeli lesine iMelika indebe yehlabathi. Eyokuqala yeza ngo’91,
eyesibini ngo’99, ngo-2015 kwaze kwalandela eyanamhlanje (2019). Nakubeni kufakwe
amagowuli amabini kuye – kodwa unozinti weNetherlands, uSari van Veenendaal,
uzamile ukulwa neMelika kwaye ngomnye wabadlali abathe babalasela kwindebe
yehlabathi. URapinoe ubambene nomdlali waseNgilane, u-Alex Morgan, ngamagowuli
amathandathu abawafake emidlalweni yetumente yonke.

 Image may contain: 6 people, people playing sports and outdoor