Emva kokuxheshana ixesha elide, ekugqibeleni akubangakho qela elikwazileyo ukuphumelela phakathi kweMexico nePoland ebezidlalela eStadium 974 ngokuhlwa kwanamhlanje. Iphume ebaleni iPoland ingaxolanga emva kokuba uRobert Lewandowski ephose ithuba lofaka ipenela kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlalo uqale kakuhle, omabini amaqela exheshana. IPoland iye kwitumente yehlabathi ithembele ngefolosi yayo uLewandoski. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo wona ubumhle kakhulu futhi omabini amaqela ngeke atyholwe ngokungadlaleli ukuphumelela ukuphumelela umdlalo.
IMexico, ebiyeyona enamandla kakhulu emdlalweni, ifumene ithuba lokuqhufuza iqanda – kodwa ngelishwa lwayo, ibhola yentloko ka-Alexis Vega iphume ecaleni kwepali. Iifolosi zePoland ezaziwayo, uLewandowski noPiotr Zielinski, bezigadwe kakhulu ngabadlali beMexico. Kanti iMexico ibiyinkathazo kakhulu kwicala lasekunenene ebekudlala kulo uEl Tri noJorge Sanchez – ophantse wabhakuzelisa umnatha emizuzwini yokugqibela kwisigaba sokuqala. Nangona ibicishilelwe kwisigaba sesibini iPoland – kodwa izamile ukulwa. Emva kokuwiswa kukaLewandowski ufumene ipenela. Inyolwe echaphazeni ngusompempe emva kongenelelo lweVAR ebone uHector Moreno obamba ifolosi yePoland emhlabeni kanozinti.
Ngokukhulu ukuzithemba, uLewandowski ukhethe ukuyikhaba ngokwakhe ipenele. Ngelishwa layo ifolosi yeBarcelona, ibhola yayo icikiwe nguGuillermo Ochoa – ongunozinti weMexico. Ikhawuleze yafuna ukuphendula iMexico nayo – kodwa ibhola kaHenry Martin ubanjwe nguWojciech Szczesny ezipalini. Belisoloko likhona ithemba legowuli kwisigaba sesibini somdlalo ngoba amaqela ebesukelana kakhulu. Kodwa ke ekugqibeleni, akhethe ukohlulelana ngenqaku elinye emdlalweni kaGroup C ophele ngeqanda macala. Komnye umdlalo obusemini, uSaudi Arabia ihlaze iArgentina ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi. Komnye umdlalo wanamhlanje, iTunisia ibambene ngeqanda neDenmark emalanga.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya