‘Imidlalo yeBoks mayivezwe kuSABC’

ICosatu inyanzelisa ukuvezwa komdlalo weSpringboks ne-All Blacks ngqo kuSABC TV.

La maqela azakuswantsulisana kumdlalo weRugby Championship ngo’17:00 eNewlands Stadium ngoMgqibelo.

Lo mbutho wabasebenzi uthi abantu abangenayo imali yokubhatala iDStv kunyhashwa amalungelo abo.

“Abantu abangenayo imali yokubhatala iDStv babukela umdlalo sowudlulile. Imidlalo yesizwe mayivezwe kuSABC ngoba ichaphazela wonke omntu. Olu hlobo localucalulo malungavunyelwa kwimidlalo yesizwe. Kufuneka urhulumente aqinisekise okokuba le midlalo iyafunyanwa ngabantu bonke,” itshilo ingxelo yeCosatu.

Amabhoko-bhoko aya kulo mdlalo imisila iphakathi kwamathanda emva kokungonjwa zi-All Blacks ngo’57-0 kutshanje.

Kwiveki ephelileyo amakhwenkwe ka-Allister Coetzee adlale ngokulingana neWallabies ngo’27-27.

Nangona iBoks ingasenalo ithuba lokuphumelela le ndebe – kodwa ingaqinisekisa ukuba ibuyisa izitya kulo mdlalo wale mpelaveki.