Imidlalo yeDiski Challenge ibuyela eMdantsane kwakhona

Abalandeli bebhola ekhatywayo baza kubukela ibhola ekhatywayo esemgangathweni ophezulu ngempelaveki.

Imidlalo yebhola ekhatywayo phantsi kweMultiChoice Diski Challenge ibuyela eMdantsane kwakhona iintsuku ezimbini zonke.

Amaqela adlala kwiDiski Challenge azenzele igama ngokudlala ibhola ekhatywayo enomtsalane kakhulu ebantwini kwaye kulindeleke kube njalo nangempelaveki.

Umdlalo wokuqala uza kuba phakathi kweStellenbosch neHighlands Park emdlalweni obekelwe intsimbi yeshumi kusasa, eSisa Dukashe Stadium, ngoMgqibelo.

Emdlalweni wayo wokugqibela, iStellenbosch ibethe iBlack Leopards ngo’3-1, kanti yona iHighlands Park iza eMonti ijingxela emva kokubethwa ngo’2-1 ngaMaZulu kwiveki ephelileyo.

Nangona kunjalo, iHighlands ekwindawo yesihlanu emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amane ananye emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu, iza kufuna ukungabethwa ukuze igcine indawo yayo.

Lona iqela laseNtshona Koloni lihleli kwindawo yethoba emva kokuphumelela imidlalo elishumi kwengamashumi amabini anesihlanu.

Komnye umdlalo, AmaZulu aza kudibana neOrlando Pirates emdlalweni weDiski Challenge oza kuqala ngentsimbi yeshumi elinambini. Ihleli kwindawo yesithathu iPirates kwiDiski Challenge, AmaZulu ayalandela kwindawo yesine.

Impumelelo yePirates iza kubeka uxinizelelo kwiBidvest Wits nakwiMamelodi Sundowns eziphezulu ngokulandelelana.

Ngentsimbi yeshumi ngeCawe, kuza kutshayelela umdlalo ophakathi kweCape Town City neSundowns.

Umdlalo uza kuba nzima ngoba iDowns ifuna amanqaku ukuze inyukele kwindawo yokuqala. Kanti owona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngulowo uphakathi kweChippa United ngo12:00 eSisa Dukashe Stadium ekulindeleke igcwale ithi qhu.

IChippa ifuna ukuvala isizini ikwindawo yesibhozo ukuze ikwazi ukudlala kwiDiski Shield, kanti wona Amakhosi akwindawo yesixhenxe afuna ukuphumelela nawo ukuze akwazi ukunyukela phezulu.

IChiefs ibethe iWits ngo’4-3, yona iChippa yabetha iBloemfontein Celtic ngo’1-0 emidlalweni yeveki ephelileyo.

Lo nto iza kwenza umdlalo ube nomdla kakhulu kwaye umqeqeshi weChippa, uGlen Minnie, uthi iqela lakhe aliyoyiki iChiefs.

“Amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu. Imidlalo yethu yokugqibela siyiphumelele. Lo nto iyabonisa ukuba abadlali bayabona ukuba ikhona into esinokuyenza. Bonke abadlali bakhona kwaye asiyoyiki iChiefs. Iyibethile iWits ngamagowuli amaninzi – lo nto ithi kufuneka siyigade. Akukho kwanto esiyoyikayo ngoba sinesicwangciso sendlela esiza kudlala ngayo ngeCawe,” utshilo uMinnie kweli phephandaba.