Imidlalo yePSL

UWillard Katsande kulindeleke adlale indima ephambili ngethuba kudlalwa umdlalo omkhulu phakathi kweChiefs nePirates

Amakhosi amkela i-Orlando Pirates kumdlalo omkhulu eFNB Stadium ngo’15:30 ngoMgqibelo. Ngenxa yokulandelwa kakhulu kwala maqela, lo ngumdlalo ozakumisa ngxi ilizwe, oyahlula phakathi imizi, odala iingxoxo ezingapheliyo kwaye obaphakamisayo abadlali abathe badlala kakuhle.

Umdlalo wokuqala waphela kungekho eliphumeleleyo – kodwa kweli ityeli izinto zingatshintsha. USteve Komphela uya kulo mdlalo enemandla ngoba iChiefs iqhube kakuhle kwimidlalo edlulileyo. “Xa ungumqeqeshi usoloko unoxinizelelo. Ukungabikho kwalo kwenza udelele,” utshilo uSteve kutsha nje.

“Singatsho ukuba iChiefs iqhuba kakuhle kunePirates, mhlawumbi abantu bazakuya emdlalweni belindele iChiefs iphumelele ngenxa yalo nto – ayisebenzi kanjalo tu. Ukuba singaya kulo mdlalo sicinga ukuba sibhetele sakuba siyazibetha,” utsho uKomphela.

Ukhuphiswano kwiPSL luphezulu ngoba iMamelodi Sundowns, iSuperSport United, iCape Town City neBidvest Wits ziyifuna shushu le ndebe. Akafuni kunikezela kwaphela uKomphela emva kokubuya nenqaku elinye eKapa kwiveki ephelileyo. “Kunyanzelekile siyiphumelele imidlalo ezayo. Nantoni inokwenzeka kweli nqanaba, kufuneka sibeke uxinizelelo kumaqela aphambili qha,” utsho uKomphela.

IBhakaniya lineshumi lemidlalo lingaphumeleli. UKjell Jonevret unethemba lokufumana amanqaku amathathu okokuqala kweli qela njengomqeqeshi. Kwiveki ephelileyo, iBucs idlale ntanganye nePolokwane City – kodwa umqeqeshi ucinga ukuba ingenza ngcono kulo umdlalo. “Andikayibukeli ngokwaneleyo iChiefs – kodwa ndikhe ndayibukela idlala nePirates ndiseSweden. Ndinexesha lokuhlalutya indlela edlala ngayo – mhlawumbi singadlala ngcono kulo mdlalo,” utsho uJonevret.

Le ndedeba, 54, ingabuyisa abalandeli ukuba ingabetha iChiefs ngoba ngowona mdlalo ubalulekileyo kubo. Ukuphumelela kwePirates kule veki kungafunqula nokuzithemba kubadlali okusezantsi ngoku.