Imisila iphakathi kwemilenze kwiiChilli Boys

Percy Tau celebrates after scoring the opening goal against Chippa United on Wednesday. Photo: Muzi Ntombela/BackpagePix

IiChilli
Boys zithokombise iintloko kwaye nemisila iphakathi kwemilenze emva kokubethwa
kwazo ngo’2-0 yiChippa United kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe eLoftus Stadium kobu busuku. UPercy Tau noKhama Billiat ngabo
abancede iSundowns kulo mdlalo ngokufaka amagowuli amahle. Ukubethwa kweChippa
United kuziindaba ezimbi kakhulu kuyo ngoba ukuba izinto aziguquki ingazibona
isilwela ukuphepha izembe nakule isizini endaweni yokulwela iTop 8 – eyona nto
ifuna ngabaphathi bayo.

Kwimizuzu engamashumi
amabini ukuya kwengamashumi amathathu kwisigaba sokuqala somdlalo, iChippa
United ikwazile ukuxhathisa futhi inawo amathuba okubhalisa ebhodini. Into
engakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli emva kokudlala umdlalo oncomekayo.
Umtshutshisi omkhulu, uPercy Tau, ushiye amadoda ethe natya phantsi phambi
kokungcangcazelisa umnatha kanye xa kusondele ixesha lokuphumla.

Amasandawana
awuthathele kuwo umdlalo kwisigaba sesibini. Abadlali beChippa United
abakwazanga ukuyiqhekeza iDowns emva kwade kwase kugqibeleni. Emva kwempazamo
eyenziwe ngabadlali basemva, uBilliat ufake isikhonkwane sokugqibela.
Impumelelo igcina iMamelodi Sundowns ihleli kwindawo yokuqala. Kwindawo yesibini
kwiPSL kuhleli i-Orlando Pirates ebethe iBloemfontein Celtic ngo’2-1 kumdlalo
obunika umdla e-Orlando Stadium kobu busuku.

UVladislav Heric
kuza kufuneka azame ukukhuthaza abadlali beChippa United njengokuba iqela lakhe
liqubisana neKaizer Chiefs ngoMgqibelo.

Mamelodi Sundowns 2-0 Chippa United

Orlando Pirates 2-1 Bloemfontein Celtic

Polokwane City 1-0 SuperSport United

Cape Town City 0-1 Golden Arrows

Platinum Stars 0-0 Baroka FC

Free State Stars 0-1 Kaizer Chiefs