Imisila iphezulu kwiDowns emva kokubetha iChiefs okwesibini kule sizini

Iintshatsheli zeDStv Premiership ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, zigoduka imisila iphezulu emva kokuzuza enye impumelelo ebalulekileyo. Namhlanje iSundowns ibethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium kobu busuku. Ngokubetha iChiefs emdlalweni wanamhlanje, iSundowns izenzele imbali ngokuphumelela imidlalo elishumi elinambini ilandelela phantsi kukaRulani Mokwena kule sizini yeDStv Premiership eqhubekayo. Isiqalo somdlalo obubukelwe ngabantu abangaphaya kwamashumi amathathu amawaka eFNB Stadium khange sixhomise amehlo – kodwa iSundowns ikhawuleze yafuna ukuyicacisa eyona nto iyifunayo ngokudala amathuba amabini.

UZitha Kwinika, Edmilson Dove noSifiso Hlanti bakhe baxhamazela emva ngamaxesha athile. Iyibhaqile lo nto iSundowns, ngomzuzu wamashumi amabini uNeo Maema ubhakuzelise umnatha yatsho yakhokela. Izamile iChiefs ukudibanisa iibhola isiya phambili – kodwa iibhola zayo bezithathwa lula yiSundowns. Ebekhona amathuba adalwe nguAshley Du Preez obeyinkathazo, uYusuf Maart noNkosingiphile Ngcobo – kodwa uBonfils-Caleb Bimenyimana noKeagan Dolly boyiswa kukugqibezela. USamkelo Zwane, ongakhange abonakale kwisigaba sokuqala, uye wakhutshwa kwafakwa uSiyethemba Sithebe oye wayiguqula indlela edlale ngayo iChiefs.

Noxa iChiefs izamile ukudlala umdlalo ongcono kwisigaba sesibini – kodwa uThemba Zwane, uTebogo Mokoena noMaema bebengumqobo futhi badlale kakuhle kakhulu. Oyena mdlali ongakhange abonakale kakuhle emdlalweni namhlanje nguPeter Shalulile oye wakhutshwa. Ebekhona amathuba okufaka amagowuli – kodwa njengesiqhelo, abadlali beChiefs abakwazanga ukuwasebenzisa. Ngoku iChiefs ayiphumelela namnye umdlalo kwemithathu kulo nyaka. Komnye umdlalo, AmaZulu abambene neMarumo Gallants ngo’1-1, iChippa United ibambene ngo’1-1 neRoyal Am emdlalweni obusePrincess Magogo Stadium, kanti yona iGolden Arrows ibethwe yiMaritzburg United ngo’1-0 emdlalweni wedabi lobukhaya KwaZulu-Natal.