Ifumene impumelelo yayo yesithandathu kule sizini ka’2015/16 iChippa United emva kokubethela iGolden Arrows enkundleni yayo iChatsworth Stadium ngo’2-0 omhle ngempela veki.
Eli qela lizinze eBhayi liye kulo mdlalo lisophisa emva kokuba labethelwa ekhaya kwiveki ephelileyo yiBidvest Wits futhi linembali embi kule sizini yokungakwazi ukudlala kakuhle kwimidlalo ekude nekhaya.
IChippa, ebonakalise zisuka ukuba ifuna impumelelo kumdlalo ebiwudlala ne-Arrows eyaziwa nanguthatha ngokusokolisa kwaye phantsi kwesandla sikaClinton Larsen onobuchule bokuqeqesha.
Iqela laseMpuma koloni lifumene amanqaku abalulekileyo aligcine liphakathi kwamaqela asithoba aphambili kuluhlu lwamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League. Ukungabikho kwabadali abafana noMark Mayambela noWilliam Twala abathengiselwe amaqela aseGauteng anike ithuba lokuba kujongwe unxulumano phakathi kwabadlali abafana noSandile Zuke, Thamsanqa Sangweni noNkosinathi Mthiyane.
Amagowuli amabini empumelelo eChippa afakwe nguNkosinathi Mthiyane, noLerato Manzini kwimizuzu yokugqibela emva kokungena, ixesha selibukekela kwisiqingatha sesibini somdlalo. UDavid Zulu, obuyele kweli qela laseMpuma Koloni ngemboleko, udlale umdlalo wakhe wesibini kule sizini, kodwa ingowokuqala kwiChippa, kwaye nomqeqeshi wakhe omtsha uthe wanelisekile ngumdlalo wakhe nangona ebehleli ixesha elide engadlali kwiKaizer Chiefs.
Lo ibingumdlao wesithathu iChippa United ewudlale phantsi kukaDan “Dance” Malesela njengomqeqeshi obambeleyo. Uphumelele emibini waze waphulukana nomdlalo omnye jwi.
UDan Malesela obebonakala echwayitile, emva komdlalo uthe: “ndiyavuya sikwazile ukufumana amanqaku onke kulo mdlalo. Ndiyayibukela nento yokungavuli kwethu phaya emva. Ndiyathemba esi sisiqalo esitsha,” utsho uMalesela.
Kulindeleke ukuba iChippa izame ukuqokelela amanqaku amathathu kumdlalo wayo olandelayo ezakuthi iwudlale ne-Ajax Cape Town ezihambela nzima kutsha nje.
Iziphumo zePSL
Bidvest Wits 1-2 Black Aces
Polokwane City 4-1 SuperSport
Golden Arrows 0-2 Chippa United
Sundowns 2-1 University of Pretoria
Maritzburg United 3-3 Pirates
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!