Imisiwe inkongolo yolonyulo lweSAFA!

Ummongameli weSafa, uDanny Jordaan, umongameli weCOSAFA, uPhillip Chiyangwa no-Ace Ncobo obengumgqatswa. Umfanekiso: Facebook

Umbutho olawula
ibhola ekhatywayo kweli lizwe, iSouth African Football Association,
ulihlehlisele umhla ongachazwanga unyulo obelubekelwe umhla wamashumi amabini
anesine kule nyanga. “Isigqibo sokumisa ulonyulo sithathwe ngamalungu esigqeba
esiphezulu esilawulayo emva kokubamba intlanganiso ekhawulezileyo namhlanje. Kule ntlanganiso
bekuphicothwa imiba ephathelene nokulungela kwenkongolo okanye inkomfa nokuhambisana kwayo nomgaqo-siseko weSafa,” itshilo ingxelo.

Phambi kokuphela
kweveki ephelileyo, umbutho olawula ibhola yehlabathi, iFIFA, uthumele
uMongameli weCOSAFA, uPhillip Chiyangwa. Lo kaChiyangwa ugaleleke eMzantsi
Afrika engxamile emva kokuba, uMnumzana u-Ace Ncobo, obengumgqatswa, ecele
ungenelelo lweFIFA ngenxa yokutyeshelwa komgaqo-siseko yiSafa. Emva
kwentlanganiso, uChiyangwa waxelela iintatheli eSandton, eGoli, ukuba kukho
isivumelwano esenziwe nguGqirha Danny Jrodaan noNcobo. Kwangalo mini, lo mthunywa
weFIFA waxelela iintatheli okokuba uNcobo akasenguye umgqatswa wesikhundla
sokongamela iSafa. UChiyangwa zange avume ukudiza okuqulethwe sisivumelwano
sikaNcobo noJordaan.

Umbuzo
ngokuqhubela phambili kwenkongolo zange uphenduleke – kodwa kwathi emva
kwexesha, iSafa yakhupha ingxelo ethi inkqubo yolonyulo iza kuqhubela phambili.
Kubonakala ngathi izinto awayekhala ngazo uNcobo zange ziphenduleke zonke ngoba
isigqibo sokushenxiswa kolonyulo kukhangeleka ngathi sinento yokwenza
nokungafikeleli kuzo zonke izinto awayekhala ngazo. IKickOff Magazine ithi
uNcobo ukhuphe ingxelo ethi uChiyangwa zange ayenze kakuhle into awayeyiyalelwe
yiFIFA. Bekulindeleke uDanny Jordaan onyulwe engaphikiswanga ngoMgqibelo emva
kokuxhoxa kukaNcobo.