iMorocco iquthise iPortugal yenza imbali kwiFifa World Cup!

UBadr Benoun weMorocco noCristiano Ronaldo wePortugal emdlalweni weFIFA World Cup 2022 obuse-Al Thumama Stadium namhlanje. Umfanekiso: EPA/JOSE SENA GOULAO

Iphindile kwakhona iMorocco yawisa omnye umthi omkhulu kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar emva kokugodusa iSpain ekuqaleni kweveki. Oku kwenzeke emva kokuba iMorocco iquthise iPortugal ngegowuli elinye eqandeni emdlalweno weFifa World Cup obubanjelwe eAl Thumama Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Igowuli ephumelele ngalo iMorocco lifakwe nguYoussef EN-NESYRI emzuzwini wamashumi amane ananye kwisigaba sokuqala somdlalo. UYoussef ufumene ibhola egotywe kakuhle ekunene wayingquba engekafiki uDiogo Costa obecinga ukuba uza kuyibamba lula. Impumelelo yeMorocco iyinika ithuba lokuphumelela omnye umdlalo ongayinika ithuba lokuphumelela iNdebe yeHlabathi okokuqala kwimbali yebhola yehlabathi.

Izamile iPortugal ukuhlasela kwisigaba sesibini somdlalo isebenzisa uJoao Felix, uBruno Fernandes noCristiano Ronaldo – kodwa khange bavume tu ukuvula abadlali beMorocco. Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo ubusemgangathweni ophezulu kwa kwisigaba sokuqala. Umqeqeshi wePortugal, uFernando Santos, ukhethe ukuqala umdlalo ngoGoncalo Ramos emva kokudlala kuhle emdlalweni ogqithileyo endaweni kaCristiano Ronaldo. Njengesiqhelo, iMorocco ibihleli emva ilindele iPortugal ihlasele. Khange kubekho gowuli kwimizuzu elishumi yokuqala noxa iPortugal ibihlasela. UYassine Bounou wenze umsebenzi omhle ngethuba evala ibhola kaJoao Felix emuzizwini wesine.

Izamile ukuya phambili iMorocco isebenzisa uHakim Ziyech ekunene – kodwa idlale into ecacileyo emva kwamashumi amabini emizuzu kwisigaba sokuqala. UFelix ufumene amanye amathuba okubeka iPortugal endaweni entle – kodwa iinzame zakhe aziphumelelanga. Ngomzuzu wamashumi amane anambini, uYoussef EN-NESYRI ufake ibhola ngentloko emva kokuba uDiogo Costa ephume ezipalini akayibamba ibhola. UBruno Fernandes uzamile ukuphendula – kodwa ibhola yakhe ibethe epalini ayabinamgqibezeli. Akukho nto eyenzileyo iMorocco ngaphandle kokukhusela igowuli layo elifumene kwisigaba sokuqala.

Ihlasele macala onke iPortugal isebenzisa uBruno Fernandes, uVitinha noCristiano Ronaldo ongene kwisigaba sesibini – kodwa ibivale mba iMorocco emva. Ekuqaleni kwesigaba sesibini, iHakim Ziyach uphantse wafaka igowuli lesibini leMorocco, ngelishwa lakhe uCosta ebethe qwa ezipalini. UWalid Cheddira, ongene kwisigaba sesibini, unikwe ikhadi elibomvu yashiyeka nabadlali abalishumi iMorocco – kodwa ixesha beselihambile kakhulu. Iphumelele iMorocco ngegowuli elinye elingene phambi kokuphela kwesigaba sokuqala. Ngalo ndlela, iMorocco yazenzela imbali ngokuba lilizwe lokuqala eligqithele kwisigaba esiphambi kwamagqibelakankqoyi wetumente yehlabathi.